iCoat of Arms yePhondo loMntla Ntshona

Le yiyo kuphela iCoat of Arms kuwo onke amanye amaphondo oMzantsi Afrika eyenziwe ngemibala de yaphantse yafana nemibala yeflegi yesizwe, eyaqala ukusetyenziswa ngomhla wama 27 Apreli 1994. iPhondo loMntla Ntshona lenziwa ngokutsha ngethuba iilali ezizimeleyo ezindala zaphinda zadityaniswa noMzantsi Afrika emva konyula lonyaka ka 1994. 

iCoat of Arms yePhondo loMntla Koloni inesisekelo esiluhlaza esinombhalo/motto othi- KAGISO LE TSWELELOPELE – nethetha ukuba “Uxolo neNkqubekela Phambili. Entla kwesi sisekelo siluhlaza kukho ikhaka kunye nengqayi yamanzi embindini walo. Eli khaka lohlulwe ngeekota. Ngentla nangezantsi kukho ebomvu, zengasekhohlo nasekunene kubekho eluhlaza okwesibhakabhaka.

Embindini kukho unx oluhlaza okwengca onemigca emhlophe apha emacaleni. Apha kulo nx kukho isikwere esi diagonal ukumila, naso siluhlaza okwengca kubokho nalengqayi ke ngoku esiphakathini. Le ngqayi imele isiko lesizwe sabe Tswana. Imihlaba yesi sizwe yaqala emazantsi endawo yase Bophuthatswana kunye nase Mntla Ntshona.

Eli khaka likhuselwe ziinyamakazi ezimbini ezibizwa ngama liza. Entla kweli khaka kukho isithsaba esisilivere kunye nentyatyambo yohlobo lwe sunflower ehleli phezu kwamaphondo enyathi. Le ntyatyambo imele ulimo lwalommandla, nalapho iisunflower zilinyelwa ushishino. Ikwamele ukukhanya kwelanga okudingekayo ukuze kukhule izityalo.

I-Emblem yeSilwanyana – iLiza (Hippotragus Niger Niger)

©Nigel Dennis

Iliza litya uhlaza, kwaye litya ingca ikakhulu, kodwa ke liyawatya namagqabi maxa wambi. Iliza sisilwanyana esihlala ngemihlambi, nevamise ukukhokelwa ziimazi. Imibala emhlophe namnyama ebusweni ibonakalisa ingcwangu, ingakumbi xa kukho amatakane. Ngethuba lokukhwelana, iinkunzi ezinamandla zivamise ukuzigxotha emhlambini iinkunzi eziselula Umlo phakathi kweenkunzi ngeli xesha, kuye kuphele ngokubulalana kweenkunzi.

Xa iinkunzi zibonisa ingcwangu okanye umsindo, zigudla iimpondo zazo emahlahleni emithi. Le misee mikhulu phakathi kwamaphondo yenza ingxolo erhwexayo. Le nyamakazi imitha isithuba seenyanga ezilithoba, amathole azalwa phakathi kwenyanga zika Februwari nezika Matshi. Amathole alunyulwa ekuncanceni xa enenyanga ezimalunga nezintandathu ubudala.

I-Emblem yeNtyatyambo – iSunflower (Helianthus Annuus)

Isunflower, nekusapho lwe Asteraceae sisityalo esikhula kubekanye ngonyaka, kwaye singakhula sibenobude obuyi 3m. Intloko yale ntyatyambo ityheli ilinganiselwa kwi 30cm. Le ntyatyambo ihamba nelanga ngokujika jika ‘ubuso’ bayo ngaselangeni. Ililandela ukusuka empuma ukuya entshona. Iisunflower zizityalo ezibalulekileyo kwimveliso yamafutha okutya yase Mzantsi Afrika. kwiPhondo loMntla-Ntshona, kuthiwa iintanga zayo zisetyenziswa ukwenza isonka kunye nesiselo esifana nekofu.Translated by Zizipho Silwana