iBali lika Mandela elithandwa kakhulu ngu Benjamin Pogrund

© Eric Miller

Iingxaki Ezifanayo

Kumabali amaninzi amnandi abaliswayo ngo Mandela, elona ke endilithanda kakhulu libali endalibaliselwa ngu Jules Browde, igqwetha elimhlophe elaziwayo kakhulu uRhawutini, waye mela abantu bezopolitiko ngexesha lengcinezelo. Kwiminyaka edlulileyo ndalisebenzisa ke elibali kwincwadi encinci engo Mandela endandi yibhalela abafundi abaku mabanga aphakamileyo.

uBrowde uyakhumbula exelela lo ka Mandela ukuba yena nenkosikazi yakhe babezikhupha ngobusuku obuthile, unyana wabo ominyaka mine (4) waye shiyeke nomntu omgcinayo omnyama kwaye wakhala esithi, ‘Andifuni kushiyeka nobuso obumnyama'. uBrowde waxelela loka Mandela okokuba zange aqonde ukuba kusukela phi oku, ‘singabantu abangena ngxaki kwaye akukho nengcambu yobuhlanga kwikhaya lethu'.

uMandela wathi unalengxaki naye emzini wakhe, kwelakhe icala: abahlobo abamhlophe babemndwendwele, ukuhamba kwabo umntwana wakhe wathi, ‘kutheni uzisa abantu abamhlophe apha?’ uMandela waphendula wathi, ‘Hayi bonke abantu abamhlophe bane ntliziyo ezimhlophe. Abanye banentliziyo ezimnyama'.

Translated by Zikhona Plaatjie

Mandela and Benjamin Pogrund's Family

Ngoku wayesele eliqhawe, ebuliselwa phezulu. Waye wenza ibali ngaye ngoluhambo elithi, ‘The Last Mile: Mandela, Africa and Democracy’....more