I-Gem Squash ngoku Phangaleleyo

© Louise Brodie
Igama le sayensi: Cucurbita Pepo
Igama eliqhelekileyo: Gem Squash
I-Gem squash ingcambu zentsusa yayo zise Central America.

Inkcazelo Yesityalo

I-Gem squash iyanaba okanye ibanamahlahla ‘vine cucurbit’ avelisa iziqhamo ezincinci, ezimbala uhlaza kakhulu ezibume obusisanqa nobubanzi obuphakathi ko 80 ukuya ku 100 mm. esisityalo sivelisa iintyatyambo ezingomama kunye nezingo tata kwaye ezona zingcolisi zinkulu ze gem squash zinyosi. Kuyacetyiswa okokuba lowo ulimileyo athenge indawo zokuhlala iinyosi emasimi okanye ecaleni kwawo. Iinyosi ezise mpilweni ziqinisekisa ukuchumisa okulungileyo ngexesha elifanelekileyo. Isityalo sinengcambu ethi inabe iyokuma kuma 60 cm, nangona inkoliso yengcambu ikumhlaba ongaphezulu we 20 ukuya ku 30 cm kwaye zezingcambu zisezatsi ezenza umsebenzi omkhulu wokunikeza amanzi kunye ne zinongo kwisityalo nezifikelele nakwisiqhamo. Iimbewu yenzeka kwindawo engqunge umgxuma esiphakathini sesiqhamo.

Imisebenzi

I-Gem Squash ziyabiliswa ze umphakathi ongumbala otyheli utyiwe ngengo mfuno. Ziyalinywa njenge mifuno evunwa isemincinci kwaye leyo ityiwa isaphelele.

Imfuneko Zomhlaba kunye Nokuwu Lungisa

I-Gem Squash zifuna umhlaba onesanti kodwa onxineneyo ukuya kumhlaba oxineneyo kodwa okwaziyo ukuhluza kakuhle. I-pH yomhlaba kufuneka ibe phakathi ko 6 no 7. Kwindawo yomhlaba ongaxutywanga (organic) kufuneka umlinganiselo ubengaphezulu. Ukongeza isichumisi okanye umgquba emhlabeni kuyakhuthazwa.
Phambi kokuba ulungise indawo yesityalo ulungiselela ukutyala umkhulisi kufuneka athabathe intwana kulo mhlaba kwindawo ethile esezakulinywa. Ezi sampula kufuneka zihlolwe yi laboratory ehloniphekileyo ukuqonda okokuba zithini izidingo zezinongo ezidingwa ngumhlaba. Xa ulungisa umhlaba uzakutyala kulungile okokuba ukhulule umhlaba ngokuthi uwohlule ukuze ususe zonke iziphazamisi emhlabeni phantsi phakathi ko 600 mm no 800 mm. oku kunceda ukuhluza umhlaba kwaye kuqinisekisa iingcambu ezise mpilweni.
Kwiveki ezintlanu (5) ukuya kwezi (6) phambi kokutyala izinongo ezifunekayo ngokwe ziphumo zohlolo lomhlaba nengcebiso ezithe zanikezwa kufuneka yenziwe. Kungafakwa ilamuni encedisa ukulungisa i-pH yomhlaba okanye isichumisi ne super-phosphates. Ukufaka kwakho oku emhlabeni, khofolela ezi kumhlaba ongaphezulu ongama 450 mm womhlaba. Oku kukhofolisa isivuno kunye nentsalela zokhula entsimini, zenze izinongo kunye noko kufakiweyo zingene emhlabeni.
Iveki phambi kokutyala oko kuthe kwafakwa ukuncedisana nomhlaba kunye nesichumisi esifakwa phambi kokutyala zingafakwa kwindawo yesityalo ze zifakwe ngetele-tele okanye zehliswe ngesixhobo idisk horrow okanye irotavaor kumhlaba ongaphezulu ongama 20 cm ukuze umhlaba ongaphezulu ulungele ukutyalwa kwembewu okanye izithole.
Ibhedi zezithole zezeplastiki okanye zogqunywa ngoko kunga xutywanga kuyafakwa ukucendisa ulawulo lokhula nokufuma komhlaba.

Isimo se Zulu

I-Gem squash sisivuno esithanda isimo sezulu esishushu kwaye eMzantsi Afrika inkoliso yazo zityalwa entwasahlobo okanye ehlotyeni. Ingatyalwa unyaka wonke xa isimo sezulu singabandi kwaye kungekho khephu. Ayikwayi ukunyamezele ikhephu. Ukudubula kwe gem squash kuqala xa amaqondo obushushu efikelela ku 16°C+ nangona ukudubula okufanayo kusenzeka xa amaqondo obushushu ekufuphi ku 20°C.
Awona maqondo obushushu alungileyo kukhulisa iziqhamo aphakathi ko 20°C kunye no 28°C. Esi sityalo siyawonga amanzi kwaye singakhuliswa kumhlaba owomileyo xa imvula inetha rhoqo. Ezona zivuno zingcono zifumaneka xa umhlaba unkcenkceshelwa.

Izilimo

Zininzi ke intlobo zemixube yembewu ezithe zavela kwaye xa ugqibe okokuba ulime igem squash kungcono ukufumana ingcebiso yalowo uyingcaphephe kulawulo lomhlaba nemveliso yezivuno (agronomist), osebenza ngembewu kunye nalowo usebenza ngezivuno kum-mandla okuwo.
Iintlobo ezixhaphakileyo nazi: Gemini, Rolet kunye ne Smarag.

Translated by Zikhona Plaatjie