Ezinye iiNdlela Zokondla iiBhokhwe

©Marinda Louw
Iibhokhwe zifumana isondlo esininzi ekutyeni emadlelweni kwaye zidinga iiyure eziyi 6-8 ngemini (zisitya ingca kunye namagqabi). Xa usondla iibhokhwe zakho kumele ubeke ingqwalasela kwimpatho yamadlelo ephucukileyo ukwenzele ukutya okudingwa sisilwanyana kungafumaneka kumadlelo endalo nakanjani na. Ukuba izinga lokutya liyehla ngenxa yexesha lesomiso umfama kufuneka afumane okunye ukutya kokongeza. Ezinye iindlela zokondla akufunekanga kuthathe indawo yokutyisa ibhokhwe emadlelweni, yongeza nje xa kushokoxeka.
Ukondla iibhokhwe emadlelweni endalo akuxabisi kakhulu kwaye ixabiso lokuvelisa ezinye iindlela zokondla liyenyuka, kodwa ezinye iindlela zokondla ziyabaluleka kakhulu xa iibhokhwe zikufutshane ukuba zizale okanye xa zizokuqala ukuncancisa. Izidingo zesondlo ze- kapater (inkunzi yebhokhwe etheniweyo) okanye igusha eyomileyo ziyalingana, kodwa xa kuncanciswa izidingo zesondlo zebhokhwe zingakhula ziye ngaphaya ko 50%. (Ezinye iindlela zokondla I (kapaters) zingasebenziseka kuphela xa komile, okanye xa kuthengiselwa ukuxhela).

©Marinda Louw
Ezinye indlela zokondla kufuneka ziquke iintlobo ezine zokutya ukuqinisekisa isidlo esipheleleyo. Ngaphezukoko, izilwanyana zidinga zombini amandla kunye ne protheyini (protein) ukuze zihlale zisempilweni. Ukwenzela lomsebenzi, ukutya kweembotyi (cowpeas, alfalfa) zinezinga eliphezulu le protheyini (protein) kunye namandla. Ukutya okugciniweyo (kufuneka kugcinwe komisiwe ukunqanda ukuba kungunde) kungatyiswa ngexesha lembalela.
Izidlo ezixutyiweyo, zisebenzisa malunga ne 400 g ngosuku xa utyisa ibhokhwe endala engakhulelwanga, zinganikezwa njengesixhaso. Umxube wendidi ezimbini ukuya kwezintathu zokudla uzokuqinisekisa ubukho bamandla kunye ne protheyini (protein). Icephe letyuwa kunye neminerali-kunye-nomxube wezakhamzimba zingongezwa ukuqinisekisa izidingo zezakhamzimba kunye ne minerali ziyafikeleleka.
Ukutya okunamandla kakhulu ngumbona, ibhali (barley), iintsipho zabasili botywala kunye nesidlo sekhekhe sefutha eliphuma kwi (cotto seed). Izidlo ezinezinga eliphezulu le protheyini (protein) ziquka isidlo sentlanzi, isidlo se sembotyi i soya, isidlo sekhekhe sefutha eliphuma kwi (cotto seed) kunye neentsipho zabasili botywala. Iiintsipho zabasili botywala ziintshiyekela zeentsipho ezivundisiweyo ezisetyenziselwa ukwenza utywala).
Ukuze uzinike iibhokhwe umthombo ofaneleyo we (nitrogen) kunye namandla (energy), zinike igaqa le-(urea-molasses) ukuba zimunce. Lento iyakuzinceda ukuba zetyise ukutya kakuhle, ingakumbi kwixesha lembalela. Yibeke kwisithebe esinabileyo, ungasibeki phantsi, ukwenzele ukuba zonke iibhokhwe zingamana zilenca xa zifuna.
Amanzi acocekileyo kufanele ahlale efumaneka okanye anikezwe izihlandlo ezine ngosuku kwaye izitya zamanzi kufuneke zicocwe maxa onke zikhuseleke kwi (algae).
Ngengxelo ethe veje ngokondliwa kweebhokhwe ungaqhakamshelana nogqirha wakho wezilwanyana, i (veterinarian) okanye umthengisi wokutya kwezilwanyana.

Translated by Aviwe Damane