Ezendalo, Izityalo kunye neZilwanyana zase-Mapungubwe

I-Mapungubwe Ibonakala Kanje:

©Roger de la Harpe

i-Mapungubwe ibonakala ngokuhlanganiswa komphandle wase-Mopane kunye nezityalo zasemathafeni. Inani leentlobo elifumaneka epakini libangele uphuhlo oluphezulu lwendidi ezahlukileyo. Kukhona imithi ye-Acacia engamashumi amabini anesine (24) kunye nesibhozo (8) ye-Commiphora.

Umthi we-Mopane, uqapheleka ngamagqabi wawo amile njengebhabhathane, kwaye ufihle umthi okhethekileyo wentshulube ze-Mopani (Mashonza okanye aMasonja). Kwaye intshulube ze Mopani zityiwa kakhulu pha kwi koloni yase-Limpopo futhi abatyeleli bangaphandle bayakhuthazwa ukuba bakhe bazizame nazo.

Owona mthi Mkhulukazi e-Pakini

©Roger de la Harpe

Umthi omikhulu yasepakini ngokuqinisekileyo ngumithi we-baobab (Adansonia digitata). Le mithi yamandulo yayisele indala xa abantu basentabeni yase-Mapungubwe bengcwaba iikumkani zazo, kwaye ikhula njengomthi wasebukhosini eminyakeni. Ziindlovu zelizwe lezityalo, kuba mide ngaphezu kwayo yonke into.

Ubukhulu besiqu sayo, ubude obuphakamileyo, kunye nengxolo yehluthi layo, yinto emangalelwayo. Ngamanye amaxesha abizwa ngemithi ‘esemantla iphinde ibesezantsi’ kuba xa engenamagqabi, amasebe wayo amdaka afaniswa nengcambu ezivela esibhakabhakeni. Pha kwizandyondyo sase Limpopo, imithi ikhula ebunzulwini besiphetho kwaye inekhenophi evalekileyo.

Elihlathi lemithi yemikhuhlane, lweenkuni, ameva enkamela, amasundu e-lala kunye namaqunube abizwa i-Nyala (mashatu), yindawo eluhlaza yokudlalela inani elikhulu lenkawu kunye neentaka.

Utshintso lweMifula kunye neeNdonga

©Shem Compion

Imbonakalo yase-Pakini ayiqhelekanga kwaye inamandla. Emva kwewaka leminyaka, ithafa elalisaziwa njengelona liphakamileyo, latyeka ukuze kwenziwe umhlaba wemifula kunye neendonga ezitshintshanayo. Pha kumda we-Limpopo, intsalela yelithafa ibonakalisa iliwa eliphakamileyo elehlela pha kwisandyondyo somlambo.

Ubude busuka phakwi mitha eziyi 300 ukuya kwezi 780 ngaphezulu kwenqanaba lolwandle. Iinduli ezikude zendawo efana ne-Mapungubwe, zenzizwe xa ileya yelitye lesanti le-Clarens ela tshabalala emveni kwexesha, kwade kwasala inani lezityalo elalizimele lizikhulela nje. Intloko yelitye elibomvu (lichazwa njenge ‘nduduma zentlango’) idityaniswa kunye nengca etyheli pha emifuleni ukunika iindwendwe umbono ocacileyo webala.

Into Ephethwe Kwindawo Yogcino

©Roger de la Harpe

Nangona iindawo zayo ezinomtsalane izesintu ngaphezu kwezilwanyana, uvimba uphethe izilwanyana ezine ze Big 5. Kushota inyati qha, kuba kusoyikwa isifo seenyawo kunye nomlomo.

Iingonyama zona zikhe zibonwe ethubeni, kodwa kucingwa ukuba ziphuma e-Botswana kwaye azihlali xesha elide kulengingqi. Kukhona iindidi ezininzi zembabala pha epakini eziquka: impofu, inkonkoni, imbabala yamanzi, imbabala, iphuthi, ixhama, ikudu, impala, igogo, itshabanqa, kunye nenkukhama.

Ezinye izilwanyana ziquka, ingwe, indlovu, iqwarhashe, indlulamthi, ingulube, inxagu, imfene, ichelesi, inyhwagi, incanda, ingqawa, inkawu kunye nebhenxa. Ihlosi, ixhwili, umkhombe, kunye nengcuka nazo ziyabonwa kodwa zinqabile. Ipaki iqulethe uluhlu olupheleleyo lweempuku, izilwanyana ezirhubuluzayo, iintaka kunye nezinambuzane, eziquka izilwanyana ezincinci ezintlanu (Little 5). Yindlovu yempuku, umkhombe wesinambuzane, inyathi yentaka eculayo, ingwe yofudo, kunye nembovane yengonyama.

Hayi zonke ezizilwanyana ezingenangozi. Amarhamba kunye nemamba emnyama axhaphakile, kwaye iindidi ezilithoba lezigcawu luyabonwa apha epakini. Kwinyanga yoKwindla ukuya kweye-Canzibe lixesha elilungileyo lokubona imidlalo; kwinyanga ye-Nkanga ukuya kweye-Kwindla lelona xesha elilungele ukubukela iintaka.

Translated by Aviwe Damane