Candelabra Flower
Isichwe

© Roger de la Harpe
Candelabra Flower.

Igama

Isichwe

Igama lesi Latin

Brunsvigia Natalensis

Inkangeleko

A Yintyatyambo enamagqudu nekhula ifikelele kuma 500 mm ubude. Lamagqudu agqunywe ngamagqabi ekrelekrele antsundu, kwaye anobubanzi obungama 200 mm. Amagqabi amabini ukya kwamathandathu ambaxa, anobude obungama 10 cm, athi avele emva kwentyatyambo ebusika. Isiqu sayo eside, nesinciphileyo sithwala intyatyambo ezintle ezingama 300 mm ukuvuleka, kunye nombala obomvu . Kwaye zimile okwe xilongo. Isichwe sidubula ukuqala kweyeNkanga ukuya kweyoMqungu.

Apho ikhula khona

Ifumaneka kwindawo eziphangalelelyo ezinengca, kodwa inqabile. Ikhula kwi Phondo loMntla koloni.

Imbewu

Imbewu yalo ehlaza, eligungqu iqala ukukhula isekwisityalo.

Isiqhamo

Njengokuba isiqhamo sivuthwa isiqu sesi sityalo siyoma sishwabane, oku kubangele siyekele esi sisiqhamo. Umoya usibhudla isiqhamo esi usivuthelele kude. Kumaxa amaninzi siphaphatheka emoyeni imigama emide ihambe sisasaza imbewu, phambi kokuba sibambeke elucingweni okanye kwenye into ezakusithintela.

Amanqaku asendle

Esi sityalo sithanda ukubhidaniswa ne Brunsvigia radulosa kwaye bakhona oochepheshe bezityalo abakholelwa ekubeni ziphantsi kodidi olunye ezi zityalo. Imbewu iphaphathekiswa ngumoya ide inqandwe yinto eyithintelayo ingakwazi ukuphaphatheka.