Barberton Daisy

© Jacques Marais
Barberton Daisy.

Igama

iBarberton Daisy

Igama lesi Latin

Gerbera Jamesonii

Inkangeleko

Yintyatyambo encinci enombala obomvu krwe, kunye namagqabi angafaniyo ngokumila. Avamise ukohlulwahlulwa kaninzi. La magqabi ziintyatyambo ezenziwe zezinye ezincinci ezicukene ndaweni nye. Umbala wayo usenokuba bomvu,pinki,orenji okanye mthubi kwaye idubula ukuqala kweyeThupha ukuya kweyoMnga. Indlela emile ngayo le ntyatyambo iyashiyashiyana kakhulu.

Uninzi lwendidi zawo lune ntloko ezifana namaqhosha ze zibe nentyatyambo ezidliselayo ezigqamileyo, logama ezinye zine ntyatyambo eziphawulwe ngamachokoza amnyama ukuze zilobe ooqongqothwane abasasaza imbewu yazo. Usapho lwe Daisy lolunye lwendidi zezityalo ezininzi ehlabathini, inendidi ezingaphaya kwe 23 000.

Apho zikhula khona

Ikhula kwi Phondo loMntla koloni e Mzantsi Afrika nase Kruger National Park.

Imbewu

Imbewu ye Daisy inoboya obuncinci obufukufuku nobu haphu haphu obenza kubelula ukuba iphaphatheke nomoya.

Amanqaku asendle

IBarbeton Daisy inesikhundla esikhethekileyo kwindawo ezithile zase Mzantsi Afrika kwaye luphawu lwenani lwamaqela ezemidlalo, kuquka ne mbumbano yebhola yombhoxo lwe Blue Bulls, namanye amaqela. Ikwakhona nakwi flegi nakwi Ndima yembasa yesizwe yephondo lase Mpumalanga. Ithiywe ngendoda eyayifumanayo, Robertson James, nendawo eyafunyanwa kuyo, idolophu yase Barbeton ekwiphondo lase Mpumalanga. Le ntyatyambo kukholeleka ekubeni yeyona ikhiwayo ukuze kuhonjiswe ngayo ezindlini.