I-Asparagus Ngokwesiqhelo

© Louise Brodie

Igama leSayensi: Asparagus officinalis
Igama eliqhelekileyo: Asparagus

Inkcazelo Ngesityalo

I-Asparagus sisityalo esiphilayo esiphuma kusapho lwe- Asparagaceae. Esisityalo sikhula ngaphantsi komhlaba, kwaye sibizwa njengomqhele. Amahlumela waso aphuma ngaphantsi komqhele aphinde avele phezu komhlaba, lamahlumela ayavunwa kwaye ayatyiwa. Amahlumela e-Asparagus, avunwa esakhasa/ esemancinci, ethambile kwaye eluhlaza, xa ekhule angange sentimitha eziphakathi kwe 15 ukuya kwi 20 cm ngaphezu komhlaba. Xa iingcambu ziyekiwe zakhula ngaphezu kwezisentimitha, ziyaqina futhi zivelisa isiqu kunye namasebe omeleleyo futhi namagqabi.
Isityalo i-Asparagus sikhula side sibengaphezulu kwemitha eziyi 2 ngobude. Ukusuka pha emasebeni, amaqunube abomvu ayamila futhi aphindwe asasazwe njengembewu. Isityalo siyafa pha ekupheleni kweye-Ntlakohlaza okanye ekuqaleni ko-Busika, ngoko amasebe ayanqunyulwa aqokelelwe ngenxa yeembewu edibene nawo.

Umsebenzi

I-Asparagus ityiwa njengomfuno ophekwayo, obiliswayo, oqhotswayo okanye ongaphekwanga kwisaladi. Ityebile kwi-Vithamins u- A, B6, C, E kunye no-K kwaye inezinga eliphezulu le folate, i-khalsiyum, i-iron futhi ne-protheni. Kuthiwa iyanceda nasekugxotheni isifo sezintso. I-Asparagus iphinde ikhanyiswe ngelanga ukuze ithengiswe ezinkonxeni.

Iimfuno kunye Nolungiselelo Lomhlaba

Phambi kokuba utyale kufuneka usampule umhlaba futhi uhlole intsimi ekuzotyalwa kuyo. I-Asparagus iyakwazi ukuhlala ikhula, kumhlaba omnye nje, kangange minyaka eyi 15. Ngenxa yesosizathu, ulungiselelo lomhlaba lubaluleke kakhulu. I-Asparagus ayikhuli kakuhle kumhlaba ogcwele isanti. Ingatyalwa kumhlaba onezinga le-pH ephakathi kwe-6 (isithandathu) ne-7 (isixhenxe). Kwinyanga enye phambi kotyalo, umhlala uhlakulwa kangangobunzulu bemilimitha eziyi 600 ukuze athambe. Ukuba umhlaba une-asidi futhi nezinga le-pH kumele lilungiswe, kudityaniswa i-lime, ukonyusa izinga le-pH ukuze libengaphezulu kwesithandathu (6).
Ngoku umhlaba sele elungele ezolimo kwaye unzulu kangange 400 mm ukuya kwi 500 mm. Isichumiso saphambi-kotyalo sifakwa emhlabeni kunye ne-lime. Emva kwenyanga enye umhlaba sele elungele ukutyalwa, ngoko ufaka isichumiso saphambi-kotyalo sekhemikhali usixube kunye ne 20 cm yomhlaba usebenzise ikhuba.

Imozulu

I-Asparagus ingatyalwa phantsi kwemozulu ezahlukeneyo. Ikhula kakuhle xa amaqondo ephakathi kwe 15°C ukuya ku 26°C, ngexesha lemveliso okanye ixesha lokuvuna. Amaqondo aphezulu emozolo enza ukuba iingcambu zibene-fayibha, into eyenza ukuba zingabinancasa kunye nomtsalane, ziphele zingathengwa. Amaqondo angaphantsi kwe 12°C enza ukuba ikhule kancinci kwaye nesivuno sibasincinci.

Abalimi

uMary Washington, i-California 500, i-Connover’s Colossal kunye neendidi ezininzi ezixutyiweyo ukuphawula iimfanelo zawo; umzekelo udidi lwengcambu olude oluncincane, luyakwazi ukumelana nezifo ezithile. Ezinye iindidi zi-UC66, UC72 kunye ne-UC157. Xa ukhetha iindidi ezahlukahlukeneyo, kufuneka uthetha negosa okanye inkampani yembewu ukuze bakucebise.

Translated by Aviwe Damane