Amasiko Nezithethe Zakwa Xhosa

uGoldie Qhayiya ubalisa ngebali lake lokukhulela kwikhaya elalixabise imvelo yakwa Xhosa.

Imisebenzi Yasebuntwaneni

©Eric Miller

Ngoku ndandine minyaka elishumi, ndakhula msinyane ukwenzela ukunceda umama notata. Ndandiyazi ukuba basebenza nzima kakhulu kwaye ndandizingca ngabo. Ekuseni, bendithatha umtshayelo ndicoce ibala, ndizama ukuba ngumntu olungileyo nokrelekrele njengabo.

Ukuba bendingafuni ukuvuka ngenxa yobushushu bengubo, utata ebezoza noswazi ukuqinisekisa ukuba ndivukile. Bekungekho thuba lokumdelela, hayi ngoko hayi nangonaphakade. Sasifundiswe kakuhle, sobahlanu nabantwana basekhaya, ukuba sisebenze nzima, njengo tata, kwaye besingadinwa. Ukusukela kwipati yam yeminyaka elishumi, bendivuka ngentsimbi yesine ekuseni.

Ukuhlolwa Kwamantombazane

©Eric Miller

Yayilixesha lokuba ndihlolwe ubuntombi bam, umama wandithengela itshefu emhlophe yetheko. Ukuba oomama bafumanise ukuba ndise yintombi-nto, omnye wabo uzohamba ayengaphandle abhabhise itshefu kumadoda asebuhlanti. Ukuba andiyiyo intombi-nto, omnye umama ebezophuma ngaphandle engayiphethanga itshefu. Ndandingenaxhala kuba zange ndabanayo umfana endincumisana naye.

Apha kum, oomama bayibhabhisile itshefu. Onke amadoda atsho akhululeka, amanye ayencumile ezitshayela inqawa kunye namacuba wabo. ‘Siyabulela, siyabulela,’ batsho njalo kubo bonke abafazi.

Ngalo njikalanga utata waxhela igusha egameni lam, ebusuku, soja inyama sivuyela iziphumo zam. Ukuhlolwa kwamantombazane ibisisithethe esinika isiko lwethu isidima. Bekunzima kuthi mantombazane, kodwa besingavumelani nalo ncam ncam kuba ibiyimpilo, kwaye mna zange ndenza into edelela abazali bam.

Umtshato Wakwa Xhosa

©Eric Miller

Bobabini abazali bam babefundele ukuba ziitishala kwaye ndandisithanda isikolo. Ndandifuna ukuba yitishala nam, emva kweminyaka emithathu ndise skolweni esiphakamileyo, ndahamba ndaya kwikholeji eqeqesha iitishala. Ndalupasa uviwo lwam kodwa bendingakwazi ukusebenza njenge tishala, kuba ngonyaka wokugqibela ndifunda, kwakufuneka ukuba nditshate.

Utata wandikhethela umyeni, uOtto Qhayiya kwaye umcimbi womtshato wethu wathatha iimini ezimbini, ngomhla wesihlanu nowesithandathu kwinyanga yo Mqungu ngo 1965. Sabhala izimemo kumaphepha amancinci sawanika abantwana ukuba bawase ku tishala-ntloko esikolweni. Ngexesha lekhefu, bonke abantwana banikwa izimemo ukuba bazise ekhaya.

Ngalondlela, yonke ilali ibisazi. Yiyo ke le indlela esasiyisebenzisa ukwazisa abatnu ngomtshato. Satshatela kwicawa yama Anglikhen, sahamba saya kulo Otto apho wonke umntu wayesilinde ngaphandle, bekikizela; abafazi bona befake iglavu ezimhlophe kunye neempahla ezi pinki bubhlowu zange minyaka ye 1960’s, amadoda wona anxibe isuti ezimnyama kunye nehempe ezimhlophe.

Sichithe ixesha sibulisa kwaye sixhawula abantu ngezandla, ukugqiba kwethu sahamba saya ngaphakathi sayotya isopholo. Iigusha ezine kunye nenkomo enkulu zaxhelwa. Ibilitheko elikhulu elinenyama, umbona kunye nerayisi yabantu abadala.

Izithethe Zakwantu

©Eric Miller

Abantu abaninzi abasezilalini basanxiba iimpahla zesintu nangoku bendikhula. Abafazi banxiba iilokhwe kunye nobuhlalu amadoda wona anxiba ingubo pha emagxeni, zibotshelelwe pha ezinqeni zabo.

Ababantu abayi ecaweni kwaye babakhupha abantwana babo ezikolweni ukuze bakwazi ukujongana neegadi zemifino nenkomo, igusha kunye nebhokhwe. Bebesebenzisa indlela yakwantu.

Translated by Aviwe Damane