Amaphawu Esizwe oMzantsi Afrika

Isilwanyana Sesizwe

©Nigel Dennis

iBhadi - Antidocras marsupialis

Ibhadi libizwa nge springbok ngesingesi ngenxa yokutsiba tsiba kwalo. Zombini iimazi kunye neenkunzi zinamaphondo, kodwa aweenkunzi avamise ukomelela kwaye aberhabaxa ngakumbi. Ibhadi lifumaneka ngokwendalo kwiphondo lase Free State, Mntla Ntshona, eKaroo kunye nangase Lunxwemeni Lase Ntshona eMzantsi Afrika.

Linakho ukuphila kwiingingqi ezomileyo ezingenazityalo zingako iyakwazi ke nokuphila kumathafa anengca. Ibhadi liphila ngokutya amagqabi kunye nengca kwaye lingahlala iintsuku ngaphandle kwamanzi njengoko lifumana ubumanzi kumagqabi eliwatyayo. Kodwa ke, apho kukho amanzi okusela ibhadi liyawasela.

Amabhadi zizilwanyana ezihlala ngokwemihlambi efuduka ngamaqela amancinane ngexesha lasebusika, ze ahambe ngemihlambi emikhulu ngeenyanga zase hlotyeni. Azala unyaka wonke, kwaye amatakane azalwa emva kokumithw iinyanga ezi-6. Springbok are herd Ubude 75 cm ubunzima 40 kg.

Intaka yeSizwe

©Peter Delaney

Indwe - Anthropoides paradisia

Le ntaka intle ibizwa nge Ndwe ifumaneka phantse eMzantsi Afrika kuphela. Inombala oluhlaza okwesibhakabhaka ongacacanga onayo nendawo efuna ukuba ngwevu. Inentamo ende nentlokwamna encinci, inemilenze emide neempiko ezintle ezihruqa phantsi emhlabeni. Indwe zitya izinambuzane, izilwanyana ezirhubuluzayo kunye neentanga.

Zizalela amaqanda azo emhlabeni okufutshane namanzi. Zithanda ukuhlala kwiindawo ezinengca kunye namathafa afana nawase Karoo. Indwe zixhaphake kakhulu eKaroo, KwaZulu Natal kunye nase Highveld.

Zivamise ukubonwa zihamba ngambini okanye ngamaqela amancinci. Indwe zinobude obumalunga ne mitha enye kwaye azithandi kwenza ingxolo kodwa ziyakrasa xa zikhwazana,ingxolo enokuvakala noba ukude.

Intlanzi yeSizwe

©Jean Tresfon

Galjoen - Coracinus capensis

Intlanzi yohlobo lwe galjoen ininzi kulwandle lwase Mzantsi Afrika. Ixhaphake kakhulu emanzini angekho nzulu kufuphi nase nyeleni. Umbala wayo uxhomekeka kwindawo ehlala kuyo. Xa ihlala kufuphi namatye ibonakala imnyaka tsiki logama iba silivere ukuya ku bronze ngombala xa ihlala kwiingingqi ezinesanti.

Kwiphondwa la KwaZulu Natal, intlanzi igaljoen ikwaziwa njenge ntlanzi emnyama okanye black bream. Igaljoen itya izilo zase lwandle ezibomvu (ascidians), kunye nee crustaceans ezincinci ezifana ne mussels kunye ne barnacles. Umlinganiselo wobude oshicilelweyo ungaphaya kwama 55 cm nobunzima obuyi 7 kg, kodwa ke umlinganiselo oqhelekileyo ungaphantsi kakhulu kwesi sibalo.

Intyatyambo yeSizwe

©Nigel Dennis

Indlungi okanye iKing Protea - Protea cynaroides


Kulo lonke elase Ntshona kunye nase Mpuma Koloni, ukusukela kwiingingqi zase Cederberg ukuya e Rhini ingafumaneka indlungi. Igama le ndlungi lesi Latin nelithi cynaroides, lithetha-cynara (artichoke), lisuka kwinkangeleko yale ntyatyambo ye artichoke. Indlungi/King protea yeyona ntyatyambo inkulu kuzo zonke iindidi ze protea.

Umthi weSizwe

©Nigel Dennis

Umcheya - Podocarpus latifolius

Umcheya ngumthi wakudala dala, oneminyaka engaphaya kwesi gidi seminyaka ukhula eMzantsi Afrika. Uthe saa kuMzantsi Afrika uphela. Lomthi ungafumaneka eTable Mountain, ngakumanxweme ase mpuma nase mzantsi Koloni. Uyafumaneka nakwiintili zase in the Drakensberg, phezulu eSoutpansberg kunye nase Blouberg kwiPhondo lase Limpopo.

Imicheya yimithi ekhula ibemide, enokufikelela kwimitha ezingama 40 ubude, kune nesiqu esomeleleyo esizi mitha ezi-3 ububanzi xa ikhulele ehlathini. Kodwa ke, xa ikhulele kwiingingqi ezingagqunywanga ezifana nakwiintaba ze Table Mountain zikhangeleka ziyimithi emifutshane, enamahlahla amaninzi.

Ixolo lalomthi linombala okaki ojika ubemfusa njengokuba umthi usiya uba mdala. Isingci salomthi sincinane xa sithelekiswa nobude baso. Isiqhamo sikhangeleka njenge pine cone, kodwa zibamhlophe okanye zibeluhlaza maxa wambi zisenokuba pinki ngombala. Umthi womcheya uvelisa iziqhamo ezizikhomokazi kunye neenkunzi. Isiqhamo esisikhomokazi siyafana ngokumila nangombala kunye ne cherry.

Translated by Zizipho Silwana

Iflegi Yesizwe yoMzantsi Afrika

Iflegi yesizwe, neyaqala ukusetyenziswa ngomhla wama 27 Apreli 1994, yenziwa ngu Mnu. Fred Brownell, owayesakuba si State Herald soMzantsi A...more

Imbali yoMhobe weSizwe Sase Mzantsi Afrika

Ngomhla wama 20 Apreli 1994, uMongameli we lizwe (ngeloxesha), uFW De Klerk, wabhengeza ukuba uMzantsi Afrika uzakuba nemihobe yesizwe emibi...more