Wild Hibiscus

© Roger de la Harpe

Igama

Wild Hibiscus

Igama NgesiLatini

Hibiscus engleri

Ingcaciso

Enye yentyatyambo ezimbala umthubi ezibalulwa ngamagqabi azo amakhulu amahlanu nendlela abukeka ngayo. Ezi zityalo zina matyolo amancinci kunezinye izityalo okanye imithi nje emincinci enamagqabi nezithomo ezirhabaxa. Lamagqabi angohlobo amilise okwamazinyo agqunywe ngoboya oburhabaxa obumilise okwee nkwenkwezi. Intyatyambo le yona imilise okwee komityi ezisasazwe phezu kwezithomo ezibhityileyo ngenkangeleko.
Ziye zibe mthubi ngombala nobumnyama embindini okwe liso; lentyatyambo iceke ceke ihluma yonke imihla ize ibune kanjalo. Ekuseni kusuku olulandelayo kuhluma enstha. Ukwakhiwa kwesithomo kusenza sibe nomtsalane. Kukho ke nolunye uhlobo lwale ntyatyambo oluye lube nobubomvana ngombala. Ixesha lazo lokuhluma lisehlotyeni. Olunye uhlobo lwesisityalo luye luvele ngohlobo lokhula oluphuma kwamanye amazwe.

Zifumaneka Phi

Ubukhulu becala ziye zifumaneke ehlathini apho kuxinene khona. Ikhula kwiphondo Lomntla kunye nas Kruger National Park. Ihibiscusi le yande kakhulu endle.

Imbewu

Oluhlobo lwesityalo lunoxhulumelwano nesityalo esiphuhlisa ikhothini kwaye iimbewu zazo sinoboyana ubuyelele kobu be khotini.

Amanqaku Endawo

Kukho ngaphezu kwamashumi amahlanu eendidi ze Hibisikhasi apha eMzantsi Afrika nje kuphela ezikhula kwindawo eziliqela ezahlukeneyo. Ezi ntyatyambo zinomtsalane kwizinambuzane eziliqela, phakathi kwazo kukhu amabhabhathane neenyosi ezibuye nazo zitsale umdla kwii ntaka aziye zisebenzise izinambuzane ezo nje ngamaxhoba azo.