Wild Ginger

© Ton Rulkens

Igama

Wild Ginger

Igama NgesiLatini

Siphonochilus aethiopicus

Ingcaciso

Iingcambu zesityalo esi zinevumba kunye nencasa ye ginki eqhelekileyo. Oluhlobo lweginki luphuma kuluhlu olunye nale ginki eqhelekileyo luye ke lube namagqabi antshula ngexesha lohluma kwezityalo. Lentyatyambo inevumba elimnandi, libubanzi obu 60 -80mm linombala asarha buluhlaza okwesibhakabhaka kwaye zintshulela kufuphi nomhlaba. Noxa lentyatyambo inokuba ceke ceke ihluma phantse yonke imihla phakathi kwenyanga ka October – November iye ihlumise kayi 25 ngezo nyanga. Ingcambu zale ginki zisetyenziswa okwechiza xa abantu benomkhuhlane kodwa ayisafumaneki kakhulu nje ngakuqala.

Zifumaneka Phi

Le ntyatyambo ifumneka kwiindawo ezinamatye amakhulu ehlathini KuMzansi Afrika jikelele, kodwa ke akuxhapakanga ukuyifumana nje ngakuqala.

Amanqaku Endawo

Oluhlobo lwe ginki lusetyenziswa kakhulu kumachiza esintu naxa kusenziwa amayeza emicimbi ngenxa yoko ke ivunwa kakhulu into ke ebangela ukushukuxeka kwayo kwezi ntsuku. Kubonakala ngathi ayisafumaneki kwicala langa Kwazulu Natal. Abantu abaninzi bayivunela uqinisekisa uba ingatshabalali kuphele.
Abantu abangamaZulu bayisebenzisa uzikhusela xa izulu libaneka kunye nasezinyokeni, iingcambu ezi zona bazihlafune ukunyanga imikuhlane, iingxaki zesifuba nako konke. Kuvakala uba amabhinqa amaSwati ayihlafuna xa esexesheni bakwayisebenzisa ukuzikhusela kwisifo iMalariya abantu bamaSwati.