Unqakulo lwesimo Somzimba Kwiibhokhwe Zobisi

©Courtesy of American Dairy Goat Association
Isimo somzimba ngumlinganiselo wezinto ezigcinwe ngumzimba wesilwanyana. Isimo somzimba wesilwanyana uchaza inani lamafutha okanye ele-protheni (umsipha) elishiyekileyo futhi elisekhona elingasetyenziswa kwezogcino, umitho kunye nemveliso. Unqakulo lwesimo somzimba ‘Body Condition Scoring’ (BCS) sisixhobo esibalulekileyo kumafama kuba siphucula imveliso, isondlo kunye nentlalontle yezilwanyana.
Ukunqakulwa kwesimo somzimba (BCS) luzithathela phezulu iimpawu ezahlukileyo zeebhokhwe zobisi ezifana nenqanaba lokuncancisa kunye nexesha elongezelelekileyo lokuncancisa, ixesha lokuzalisa, iminyaka kunye nendlela emile ngayo.
Iibhokhwe itya ukutya okukhethekileyo futhi ayiyityi ifayibha, inkomo negusha. Ngokunjalo, iibhokhwe zobisi azikwazi ukulawula isimo somzimba ingakumbi emadlelweni angaphuculwanga. Zidinga amandla kunye ne-protheni, ezinesondlo.
Umyinge webhokhwe yobisi i-Saanen ivelisa ubisi ubungange 5% yonke imihla, ngaphezu kwentsuku ezingange 350 (inyanga ezilishumi) incancisa. Ukongezelela, ivelisa itakane elinye ukuya kwamahlanu kunyaka omnye. Elizinga lemveliso ludinga isondlo esiphucukileyo.
Umzimba webhokhwe uyatshintsha phakathi kwexesha lozalisa nelokuncancisa. Izilwanyana ezinemveliso ephuzulu zilahlekelwa sisimo somzimba emveni kokuzala naxa zincancisa, ngenxa yalonto, isondlo sayo kufuneka silungisiwe ukuze ikwazi ukungenisa isondlo esidingekayo. Utshintsho-tshinto lomzimba kufuneka lunciphiswe ngokuza nenkqubo yesondlo ephumelelayo.
Ngexesha iqala ukuncancisa, ibhokhwe isebenzisa amafutha wayo agciniweyo iphinde inqine emzimbeni. Xase kuphela ixesha lokuncancisa kufuneka ityebe ngomzimba futhi ukuze ibenamafutha amaninzi ezakukwazu ukuwa sebenzisa kwixesha elilandelayo lokukhulelwa nelokuncancisa. Akuthandeki xa ilahlekelwe sisimo somzimba wayo phakathi kwexesha elomileyo.
Abaphathi beebhokhwe zobisi bathanda ukuzikhethela ixesha lokuzalisa, abanye bayenza xa ibhokhwe inenyanga eziyi 12 ngobudala, abanye bona balinda kude kube zinyanga eziyi 18 ukuya kwi 24.
Lemikhethe eyahlukileyo idinga iinkqubo zesondlo ezahlukileyo kwaye zibaneziphumo ezahlukileyo ze BCS. Amatakane okusengwa wona azaliswa xa anenyanga eziyi 7 ukuya ku 9 ngobudala kwaye akhula abemakhulu xa ekhulelwe.
Izinga le BCS libaphantsi xa asakhulayo, ngenxa yalonto akwenzeki ukuba uzincancise kakhulu. Amatakane anenyanga eziyi 18 ukuya ku 24 abenezinga eliphezulu leBCS kwaye kufuneka zilawule ukunciphisa ukuncanciswa kakhulu.
Ezinye izinto (ngaphandle kwesondlo) zingachaphazela isimo somzimba kwiibhokhwe zobisi. Ezizinto ziquka izidumbu, uchitho lwesifo, intsholongwane/isifo sebhaktiriya kunye nengxaki yamazinyo.
Ukunqakula isimo somzimba kwibhokhwe zobisi lwahlukile nolwenkomo zobiso. Iibhikhwe zona zigcina amafutha wazo pha emphakathini womzimba. Ngenxa yalonto, inkqubo yokunqakula isimo somzimba webhokhwe iye yaphuhliswa kwaye inemilinganiselo yamafutha kunye nofele lwesikhumba pha kwingingqi yase-Lumbar.Translated by Aviwe Damane