Unicornfish
Igama leentsapho eziqhelekileyo
Unicornfish
I-Alias
Surgeonfish
Igama lezesayensi
Acanthurus
Ubukhulu
Ukufika ku-60cm, i-avareji 28cm.
Ukukhangeleka
Yakhiwe okweqanda, umzimba ingathi ucinezelekile ukuya pha ngasemsileni. Amaphiko angasemva akhiwe njenge-nyanga. Umsila wona mkhulu kakhulu. Amaqabane emiqokolo ayafumaneka wona pha emacaleni womsila kwaye atsolo- kungoko igama layo. Umbala wayo unephethini ezimangalisayo.
Inkcukhacha jikelele
I-Acanthurus ziquka iintlobo zosapho eziyi-38. Zifunyanwa kwiindawo ezinengqokelela yamatye, ithanda ukuhamba yodwa emadlelweni okanye ezikolweni. Isebenzisa imiqokolo etsolo ukuzikhusela, ephinde ibene tyhefu. Ziyakwazi ukutshintsha umbala ngokuxhomekeka kwendawo ezityela kuyo- ziyakhanya kwiindawo enesanti ziphinde zigqame kwiindawo ezinamatye. Iyintlanzi ezalayo.
Ukutya
Itya ulwelwe, impasalaka yamatye kunye nemifuno. Isisilwanyana esithanda ukutya izityalo.
Ukufumaneka
Zifumaneka kwiindawo ezinobushushu naselwandle kwizwe lonke.
Iindidi Eziqhelekileyo
Black surgeonfish
Acanthurus gahhm
Palette surgeonfish
Paracanthurus hepatus
Sohal surgeonfish
Acanthurus sohal