uMadiba no Mcedisi Wakhe uZelda La Grange

© Dr Peter Magubane
uMandela nomncedisi wakhe uZelda Le Grange emveni kwe nkomfa yono ndaba kwi Nelson Mandela Foundation.
uZelda Le Grange wazalwa ngexesha lobandlululo eMzantsi Afrika.Emveni koku gqiba izifundo zakhe zamabanga aphezulu wacela umsebenzi kwi ofisi yo Mongameli wokuqala enkululekweni yoMzantsi Afrika. Wakhethwa ngo 1999 ngu Mandela uqobo okokuba aqhubeke esebenza emveni ethathe umhlala phantsi. uWongiwe yimibutho emininzi ngokuzinikela kwakhe nomsebenzi wakhe kulowo wasishiyayo uNelson Mandela.
Ngomhla we 19th ku June ngonyaka ka 2014, washicilela incwadi yobomi bakhe enesihloko esithi “Good Morning, Mr. Mandela” ngo December ka 2014 incwadi yakhe yachazwa ngokuba yeyona ncwadi ithengiweyo kunyaka wonke eMzantsi Africa, nase Brazil ngonyaka ka 2015. Usebenza nje ngomxhasi we First For Women Foundation. Uyaqhubeka ukunikeza ithemba ebantwini ngokomeleza noku balisa ngobomi bakhe.

“Ndixabise umnqweno woluntu olu nokuzikhethela nolu khululekileyo apho bonke abantu bahlala ngoxolo kunye namathuba alinganayo. Ngumnqweno endinethemba lokuphila de uphumelele. Kodwa ukuba kukho isidingo, ngumnqweno endizimisele ukuwufela.” ~ Nelson Mandela

Mandela 100 - The Charm of Mandela

uNelson Mandela ubuyela kwikhaya lakhe eSoweto, emveni kokuphuma entolongweni ngo 1990. uNelson Mandela, ukhule kwa no 8115, kwisi talato iV...more

Mandela 100 - The Fight for Freedom

uMandela wayethandwa ngabalandeli bakhe, njenge mbonakaliso yenkululeko kumntu wonke. Uye abonakale njenge siThixo esithile eMzantsi Afrika,...more

Mandela 100 - The Mandela Legacy

uMandela ufumana iwonga le Honorary Doctorate kwi Yunivesithi yase Witwatersrand eRhawutini...more

Mandela 100 - Timeless Madiba

uMandela ubulisa abalandeli bakhe ngaphandle kwe ndawo yokuthandaza yamaJuda ePitoli....more