Ukuhambisa Iinkukhu

© Andile Bahla
Ukuthintela iingozi nokufa, inkukhu kufuneka zigcinwe zihleli kakuhle, zingena mvandedwa. Maxa onke xa zihanjiswa endleleni. iSouth African Poultry Association inezi ngcebiso zilandelayo ukuze zihambe kakuhle inkukhu:

Abaqhubi

Abaqhubi akwanelanga ukuthanda izilwanyana kuphela, kodwa kufuneka bakwazi ukuhoya izidingo zezilwanyana ngokwemeko zempilo ezinokuthi zivele xa bezihambisa. Ukhuseleko nempilo yentaka kufanele kuhoywe indlela yonke kwaye nemoto iqhutywe ngendlela apho indlwana ezikuzo zingatyibiliki kwaye zingawi.

Indawo Zokumisa Nomlinganiselo Wexesha Endleleni

Zonke iimpepha kufuneka zigcwaliswe phambi kokuzibamba nokuzifaka emotweni, ukuze imoto ishiye indawo kwangethuba emveni kokuthatha iintaka- uhambo kufuneka lunga dluli kwi yure ezingamashumi amabini anesine. Kufanele kumi xa kunyanzelekile kuphela. Xa kumisiwe isimo sezulu zitshisa imoto kufuneka ingene umoya kwindawo enee nkukhu.

Ukuzila

Intaka akufunekanga zivinjwe amanzi nokutya phambi kokuba zihanjiswe, naxa zihanjiswa azikwazi ukungatyi zingaseli kwiyure eziyi24, kujongwe ngokwexesha lokugqibela ukutya nokusela.

Isimo Sezulu

Kufuneka kuthathwe amanyathelo ukukhusela intaka kwisimo sezulu ezingesihlanga, ingakumbi kwimigama emide. Xa kushushu intaka kufuneka zifakwe emotweni zihanjiswe xa kupholile emini, kusasa kakhulu, emveni kwemini okanye ebusuku.

Ukuphatha Iintaka

Intaka ezindala mazibanjwe bucala, kwaye zibanjwe ngenyawo zombini nomzimba uphelele. Zingabikho ngaphezulu kwesithathu inkukhu zamaqanda ngexesha, kwaye zingabikho ngaphezulu kwesine ezenyama eziphethweyo ngexesha ngumntu omnye.
Indlwana mazisuswe ngokunono, zingadilizeki kwaye zingenyuki ngaphezulu ko 20 degrees xa zifakwa emotweni okanye zikhutshwa, zingaphoswa okanye ziphuncuke.kufuneka zibotshelelwe ukuze zinga bhukuqi.
Indlwana, amakreyithi, ibhaskithi, okanye esenziwe ngocingo kwi troli ezisetyenziswa xa kuhanjiswa iinkukhu kufuneka zicoceke kwaye zikulungele ukuhambisa iintaka. Indlela ezibekwe ngayo ezi ndlwana akufunekanga zivalele umoya ophuma nongena kuzo. Akufunekanga intaka zikhuphe iintamo, nempiko ngaphandle kwezindlwana

Iintaka

Zintaka ezisemandleni nase mpilweni ezinokuhanjiswa. Isimo sezulu, ixesha lohambo, ukwenziwa kwendlwana, kufanele zonke zinjongwe xa kujongwa nokusinda kwentaka. Eneneni, nkukhu nganye ephilayo kufuneka ikwazi ukuba nendawo engange 20 square metres. Kwi nkukhu zamaqanda, kufuneka ubunzima ibengu 55 kg ubunzima ngokwe square metre, loxa kufanele ibengaphantsi ko 70kg ngokwe square metre xa kuhanjiswa inkukhu zamaqanda.

Iintaka eziphilayo

Ukugcina inkcukacha zentengiso, eziquka uluhlu lwabathengi, kunye nenani lentaka ezithengisiweyo nesimo sazo sempilo. Ngenxaye sizathu sempilo nokhuseleko, abathengi abavumelekanga kwindawo yemveliso nentaka eziphilayo ezithengiswayo kufuneka zithengiselwe kwindawo engaphandle kwale yokhuseleko nempilo.

Isifungo

Isifungo sogxininiso ngokwe Certification kwi Code of Practise kufanele sinikezwe xa:
  • Nokuba intaka bezingabonakalisi zigulo, kwaye akukho kufa kungaqhelekanga kuchaziweyo kumhlambi kwintsuku ezinga mashumi amathathu.
  • Ukuba intaka zivavanyelwe iSalmonellae ebonakalayo kwaye ihamba nezidingo kwi Salmonellae Movement Protocol.
  • Intaka zivavanyelwe iAvian Influenza ebonakalayo ngokwe” HPNAI contingency Protocol in case of New Castle Desease” kwaye zihambelana nemiyalelo yalo mthetho.
  • Intaka ziphethwe ngokwe mithetho ye SAPA Code of Practise for Live Birds.

Translated by Zizipho Silwana