Ukugonywa Kukhuseleko Lwezifo zeenKukhu

© Chris Daly

Nangona ukugonywa kukhuseleko lwezifo kuyeyona nto engundoqo kumafama eenkukhu, lonto ayithethi ukuba iintaka azizogula. Iyeza logonya ngalinye linyanga isifo esithile, ngoko iintaka zingasuleleka ukuba kukhona esinye isifo esiphumileyo. Olugonyo lunganga zinyangi izifo ukuba kukho engakhange ihambe kakuhlemayela nexesha lokufaka isicelo.

Xa ufuna iziphumo ezibhetelele, ukugonywa kufuneka budlale eyona ndima enkulu apha ekukhuseleni, ekucocekeni kwaye lube kanti aluzushiya izilwanyana zixhalabile. Abavelisi kufuneka basebenze kunye neendawo zemveliso ukwenzela ukugonya okuthe xaxe, olujongene nezona ntshaba zezifo kwindawo zemveliso. Xa uthenga intshontsho okanye elineveki ezilishumo elinesibhozo, kufuneka bafune isatifiketi esichaza ukuba ezontaka zigonyelwe izifo ezithile.

Indlela Yokwenza

Eyona ndlela edumileyo esetyenziswayo xa kugonywa ingakumbi kumafama anamantshontsho, iquka ukugonya ngento yotsutsuza, emehlweni okanye amanzi okusela. Xa sutyenziswa into yokuspreya, iyeza lokugonya kufuneka lifakwe emanzini lifakwe nase ezintakeni. Ezizispreyi ziphucukile kakhulu, kuba ibhokisi yamantshontsho izihambela yodwa ngenxa yombane okanye ukungaphucuki xa abantu beqaba iyeza lokugonya emva kwengxowa okanye ispray esibanjwe ngumntu ngesandla.

Amathontsi amahle ngawo asebenzanyo ngaphezu kwamathontsi amakhulu. Iintaka kufuneka zitsutsuzwe ekuseni phambi kokuba kubeshushu futhi liphinde libephantsi kwemeko yomoya ogquthayo.

Ukugonywa kwamehlo, ithontsi elinye qha leyeza, lifakwe emanzini, lifakwe kuwo wonke amehlo entaka. Eliyeza kufuneka lixutywe kakuhle ukwenzela ukuba lisetyenziswe kakuhle. Ukugonywa kwamehlo kuyasebenza xa kwenziwe ngendlela elungileyo, kodwa ibangumsebenzi kwezinye iifama apho iintaka zonke zifunwa ukubanjwa ukuze zigonywe.

Ukugonywa kungafakwa nasemanzini okusela. Xa ufuna iziphum ezipheleleyo, isebe lezoLimo lwase Mzantsi Afrika, lucebisa ukuba abavelisi basuse amanzi wokusela okwexeshana leyure ezimbini, ukuqinisekisa ukuba iintaka zinxaniwe nyani xa amanzi okugonywa esele ewanikiwe. Xa lishisa kakhulu, kuyanyanzeleka ukuba amanzi abanjwe. Kuyafuneka ukuba kongezwe izinto zokusela kwindawo yemveliso, ukwenzela ukuba zonke iintaka zinendawo kunye nethuba lofumana amanzi agonyelweyo. Amanzi aqhelekileyo angasetyenziswa ekugqibeleni.

Idayi ingasetyenziswa kuyo nayiphi na indlela ukubonisa ukuba iintaka ziyafikelela elugonyweni okanye hayi.

Impumelelo

Emva kogonyo, iintaka kufuneka zijongwe ukuba ziphilile na. Iintaka kufuneka zikwazi ukuliva iyeza logonyo, emveni kwentsuku ezimbini okanye ezintathu zigonyiwe. Impendulo ingathatha intsuku ezisihlanu ukuya kwintsuku ezisixhenxe, kuxhomekeke kudidi lweyeza lokugonya, ezinye iimpawu ziquka iingxaki ezimayela nokuphefumla, ukushukumisa intloko, namehlo angathi ayakhala. Ukujongwa kwegazi lungenziwa nalo ukubonisa ukuba intake inyangekile okanye hayi.

Ukugonywa kungangenzeki ukuba iintaka ayiphenduli. Umntu osebenza ngentaka okanye ugqirha wentaka kuyafuneka ukuba kuthethwe nabo ukuba indlela eyiphethe ngayo intaka ayipheli kwaye ibuhlungu kakhulu.

Ukungaphumeleli

Iqela le-South African Poultry Association (SAPA) libone impazamo zabanto njengoyena nobangela wokungaphumeleli kokugonya. iSapa isinika amacebo aneziphumo ezintle zogonyo:

Amanye amayeza okugonya kufuneka agcinwe kumanqanana angange sine ukuya kwisibhozo. Ngoko, sebenzisa ibhokisi ukugcina amanqanaba epholile xa uhamba ngesithuthi futhi ugcine eliyeza kwindawo ebandayo pha efama.
Lamayeza kufuneka asoloko ekhuselekile elangeni nasebushushwini.
Kufuneka kuchekishwe imihla yokuphelelwa kwamayeza.
Kufuneka udibanise kwaye uxube iyeza njengomthetho.
Umxube weyeza kufuneka uwusebenzise xa ugqibo kuwuxuba.
Sebenzisa umlinganiselo owunikiweyo.
Sebenzisa imveliso efaneleyo kuba kukho intlobo-ntlobo zezifo ezingafaniyo.
Thambisa iyeza logonya ngexesha elifanelekileyo. Amanye amayeza akasebenzi kumantshontsho futhi iyeza lokugonya kufuneka linikwe umphakathi ngexesha elifanelekileyo. Akuncedi ukunika iyeza kwintaka egulayo.
Ukuqinisekisa ukuba abantu abasebenza ngeyeza logonyo ukuba baqeqeshelwe ukwenza njalo.
Ukuqinisekisa ukuba zonke iintaka zithatha umlinganiselo olinganayo, ezinye zingafumani umlinganiselo omninzi, ingakumbi xa iyeza liselwa ngekufafazwa okanye amanzi okusela.
Ukuba iyeza liselwa ngamanzi, qinisekisa ukuba amanzi acocekile kuba ikhemikhali izobulala izinto eziphilayo.
Ungathathi amanye amayeza xa ugonya, kuba amanye amayeza angabulala izinto eziphilayo emzimbeni.
Unganiki iyeza lokugonya kabini ngexesha, ngaphandleni kokuba uwanikwe ngumvelisi owaziwayo.
Ungagonyi iintaka ezigulayo nezixhalabileyo, ngenxa yesimo sendalo, isondlo esingenamsoco, izifo, kuba ezintaka azuzukwazi ukuba ngamandla ukwazi ukumelana nezifo. Ugonyo lungavuka ukuxhalaba kunye nezinye izinto ezimayela nokuxhalaba.
Kufuneka ugcine iincwadi zonke zamayeza ogonyo, ezichaza ukuba kuphume iyeza elinjani, nini futhi nosuku logonyo olulandelayo.

Translated by Aviwe Damane