Ukugcina uMgangatho wama Qanda

© Chris Daly
Ukugcina amaqanda angaboli, amqanda kufuneka asiwe kubathengi ngoku khawuleza. Amaqanda kufunka agcinwe kubuhushu obungaphantsi ko 13 degrees celcius, angaze ashiywe elangeni okanye kwi gumbi elinobushushu. iFood and Agriculture Organization (FAO) yase Melika icebisa lamanyathelo alandelayo, ukuthintela nokubola kwamaqanda:
  • Beka amaqanda kwi gumbi enomthunzi, enomoya , kwaye elingaphantsi komhlaba ngoku khawuleza emveni kokuba eqanduselwe.
  • Indawo zokugcina ezine sikhenkcezisi okanye ifeni zombane zingasetyenziswa xa ukhona umbane.
  • Apho kungekho mbane, amaqanda angabeka emthunzini okanye kwigumbi elimnyama ogqunywe ngamagqabi ahlaza ukunciphisa ubushushu ngakumbi.
  • Amaqanda angagcinwa kwimbiza enomlomo ovulekileyo, efakwe emhlabeni ukuyoma esinqeni sayo. Umphakathi ufakwe ingcaukuze amaqanda angadibani nobumanzi, kubekwe ilaphu elincinci phezulu kwamaqanda ukuvumela umoya. Kufakwe Isanti nomhlaba zijikeleze imbiza kumane kutshizwa amanzi ukuyigcina ipholile. Amaqanda kufuneka ahguqulwe Kanye ngemini.
  • Xa isimo sezulu somile, amaqanda angafkwa kwi bhaskithi ezenziwe ngecingo okanye ngeomthi. iTreyi yamanzi igcinwa ngaphezulu kwebhokisi, namasakana abekwe etreyini, senziwe ezi zimanzi zijinge ngaphandle kwebhokisi.

Amaqanda Amdaka

©Chris Daly
Ukuvasa yeyona ndlela ilula, kwaye ilungileyo yokususa ubumdaka namachaphaza kumaqokobhe, kodwa amanzi angane ntsholongwane angangena emaqokobheni eqanda. Ukucoca kufuneka kwenziwe ngesepha engenalo ivumba okanye amanzi ashushu angu 38 degrees celcius, ngokwe FAO. Eyona ngxaki yeyokuba ezisepha zingadura okanye zingafumaneki okanye amanzi ashushu angenza amaqokobhe aqhekeke. Enye indlela kukusebenzisa ibrushi ukuwa brasha uwacoce acoceke amaqanda. I-FAO icebisa oku kwenziwe ngokubu nono ukuze amaqokobhe amaqanda angamoshakali.

Ukuthambisa Iqokobhe nge Oli

©Chris Daly
Amaqanda angathambiswa kancinci nge oli zendalo ezinganukiyo, ezikhethekileyo ukohlisa izinga lomphunga elibayi lahleko, ingakumbi amaqanda akwi ndawo ebandayo yogcino iinyanga okanye zikwindawo ezinobushushu obungaphezulu ko 21 degrees celcius ngokwe FAO. Xa amaqanda emelana nobushushu obuphezulu, i-FAO icebisa okokuba afakwe i-oli kwi yure ezine ukuya kwezintandathu emveni kokuqanduselwa; phinde kwiyure eziyi 18 ukuya kwi 24 emveni kokuba ebekiwe, xa ezakugcinwa kwindawo enobushushu obungu 0 degrees celcius.

Translated by Zizipho Silwana