Uhambo Oluya eRobben Island

Apho Oluhambo Lwaqala Khona

©Aaron Polikoff
Indlela engumgca yamasango (Gateway) ayinakuphazanyiswa. Nyuka ngemicangcatho eyenziwe ngamatye uze ungene kumacango amade agilasi, uhambo lwakho oluya e Robben Island sele luqalile.
Phambi kwakho yidesika enikisa ngeenkcukacha, enabasebenzi abanomonde ngeyona ndlela abangadinwayo kukuphendulana nemibuzo eminye emithathu isihlandlo ezininzi. Isikhephe sihamba rhoqo emva kweyure esimbini ukusuka ngentsimbi yesithoba. Ithatha iiyure ezine.
Ngasekhohlo yivenkile yezipho, apho unokuthenga iindidi ezahlukeneyo zezinto zase Robben Island. Amanzi abhalwe iRobben Island, iikawusi, izikhafu, iiringi zesitixo, izinto zokuphawula iincwadi, iidayari, iimouse pads, iikhalenda, amacephe, iigilasi, izikipa, amacici, iimagi, izilamba, amakhadi eposi, ozibuthe be friji kunye facsimile copies ze Freedom Charter zonke ziyafumanea. Ungathenga nesitixo sokuvula e Robben Island, nengabayinto efanelekileyo, ngomhla we krismesi, kuba yinto kanye ibinokuthandwa ngabo babengamabanjwa kwesi siqithi. Le venkile ikwanazo neencwadi ezisemgangathweni, iividiyo, kuquka iincwadi yemisetyenzana ukwenzela abantwana.

I-Ofisi Yamatikiti

©Aaron Polikoff
Iofisi yamatikiti ingasekunene. Ukuba ubenobulimko wabhatala amatikiti kwangethuba, uzakuwathatha apha amatikiti wakho. Kuhlala kuxakekile kwifestile yama tikiti, ngoko ke fika ngethuba ukuze uthintele ukuzenzela intloko. Ungathenga amatikiti wakho efestilni, kodwa ungacingi ukuba uzakukhwela kwisikhephe esilandelayo. Malunga nesiqingatha sesigidi sabantu batyelela esi siqithi ngonyaka, kwaye isikhephe sithwala abantu abangamakhulu anento ngexesha. Ngoko ke, akothusi ukuba izikhephe zihlala zigcwele iintsuku ezimbini okanye elinye phambi kokuba zihambe. Kwixesha elixakekileyo, Ngenyanga ka Disemba kunye nango Januwari, iindawo kwesi sikhephe iyanqaba kakhulu.
Nangona uninzi lwabantu lucinga ukuba esi sakhiwo kuphela kwendawo ongafumana kuyo amatikiti, iGateway yingxenye ebalulekileyo yokungcamla le muziyamu. Zininizi iiexhibition kwimigangatho ephezulu kunye nembali eshicilelwe kwi vidiyo nongathi uzibukelele yona. Abatyeleli abangena bengxamile kule Gateway bazakuphoswa kokuninzi, ngoko ke fika kwangethuba ukuze ubuke ungcamle yonke into ngokwaneleyo.
Esi sakhiwo sinemigangatho emithathu. Kulomgangath okungenelwa kuwo, nosesiphakathini, kukho umboniso wevidiyo. Iqulathe imiyaleoz esuka kwinqwaba yabo babesaya kuba ngamabanjwa ezepolitiki, eRobben Island kunye nakwezinye iintilongo.

Ushicilelo Lwe Robben Island-Mayibuye

©Tracey Derrick
Kumgangatho ophezulu, zininzi iiexhibhition kunye noshicilelo lwemiboniso ye vidiyo ongazikhangelela yona. Baninzi abantu esibalibalayo kancinci kancinci, kwaye baninzi nabanye esingazange sabanethuba lokwazi ngamagama abo. Konke oku kuqulathwe zezi exhibit kuthatyathwe kushicilelo lwe Robben Island Mayibuye, negcinwe kwi Dyunivesithi yase Ntshona Koloni.
Kumgangatho ongezantsi, kukho inqwaba, yemifanekiso echukumisayo yasesiqithini kunye namabanjwa aso, kwakunye nengqokelela yeekhabhathi zamaplanga. Vula kwezi drowa zezi khabhathi uzakubona ingxubevange yezinto zasesiqithini: Amakhamandela, Iincwadi-mbalelwano zamabanjwa, iingubo eziyimihraji zasejele, amaphekepheke eziqinisekiso enziwe ngesandla ayenzelwe imidlalo kunye nezinye izinto. Umgangatho ongezantsi ukwanayo nendawo enkulu yendibano nothi usetyenziselwe imicimbi ekhethekileyo okanye iintlanganiso zabasebenzi (nendixelelwayo ukuba zingajika zibenentshukumo enikisa umdla kakhulu, kufanelekile kwindawo apho engcambu zayo zikwiintshukumo zenkululeko). Usakube ugqibile ukujikeleza ubuka indawo, ungaqhubeka uye kumgangatho ongezantsi, apho uzakukhwela khona isikhephe. Kuqalwa ukukhwela kwisikhephe kwimizuzu engama 30 phambi kokuba sihambe, kwaye sisoloko sihamba ngexesha.

Translated by Zizipho Silwana