Swift Tern

© Robert Hofmeyr

Igama

Swift Tern (Greater Crested Tern)

Igama lesi-Latin

Sterna bergii

Usapho

Rynchopidae

Ubude

50 cm

Indawo yokuhlala

Ihlala ingamaqela amancinci pha elwandle.

Isikhalo sentaka

Iyangxola xa ikhala futhi ithi 'kreee-kreee'.

Ukuzala

Indlwane zakhiwa kwindawo evulekileyo ethe naba ukusuka kweyeKwindla ukuya kweyeDwarha. Iphala elinzulu liyakhiwa, ngamanye amaxesha zibengca encinci. Amaqanda ayi 1-2 abanombala omhlophe, oluhlaza okanye u-pinki ombhatshileyo, aphawulwe ngezihla ezintsundu.

Inkcazelo yentshontsho

Amantshontsho anemihlathi etyheli, ibemnyama namhlophe ngaphambili iphinde ibeneentsiba- nezinala zimibalabala. Izini ziyafana.

Inkcazelo yobudala

Yintaka enkulu enomqhele ogobileyo. Isiphongo siphumile, amacala obuso, umqala kunye namakhwapha amhlophe. Imilenze neenyawo ezimnyama iphinde ibe nezithende ezityheli.

Isimo

Umhlali oqhelekileyo.

Ulwabelwano

Iqhelekile pha kumzantsi-ntshona weKapa iphinde ifumaneke pha ngaselwandle okanye kwisiziba somfula. Izala kwiziqithi ezibizwa i Schaapen, Marcus, Dyer, Malgas, Meeuw kunye nakwisiqithi i-Robben, kodwa ayizaleli kwiziqithi minyaka yonke.