Red Hartebeest
Ixhama

© Shem Compion

Igama

Xhama (Alcelaphus buselaphus caama)

Inkangeleko

Ixhama yinyamakazi enkulu, embala obu bomvu-ntsundu kunye nomqolo omqengqelezi nobuso obude obutswebhileyo. Zozibini izinizi zinamaphondo anezaringe ezimbombosholo. Kwi 12 yendidi ezikhoya e Afrika, iXhama lilo lodwa elifumaneka e Mzantsi Africa.
Ngenxa yophinda zibuyiselwa kwi game farms nakwi nature reserves, bandile ubukho bazo namhlanje. Inkunzi ezindala zinobunzima ubungama 150 kg nobude obuyi 1.3 m emagxeni, ngelixa imazi zinobunzima obungama 120kg kuphela.

Isidlo

Ubukhulu becala iXhama sisilwanyana esitya ingca sikholwa yingca ephakathi ngobude, likonwabela nesandula ukukhula emva komlilo wamadlelo.

Ukuzala

Emva kokumitha isithuba senyanga ezisibhozo, ithole elinye liye lizalwe Kanye phambi kweemvula zehlobo. Ixeshana elincinci emva kokuba ezelwe, amathole afihlwa kumahlahla ashinyenyeyo, phambi kokuba ahlale nomhlambi.

Ukuziphatha

Iinkunzi ezinebango ngendawo ziqhele ukuzibonakalisa ngobulongwe obucukeneyo, kwaye ziphawule iindawo zazo ngezizicuku zobulongwe. IXhama lihamba ngokungxama kwaye ziyathanda ukuhlala nezinye, zihamba zingumhlambi ofikelela kwi 30.

Apho Zifumaneka Khona

Zikholwa kukuhlala kwinginqgi ezomileyo zase Namibia, e Kalahari, emazantsi e Botswana, nakumntla ntshona wase Mzantsi Afrika.

Amanqaku Asendle

Igama ebizwa ngalo ngesingesi elithi Hartebeest kwakucingwa libhekisele kwimpondo ezigobe okwentliziyo kodwa uqikelolo olwamkelekiyo ngoku lolo lusuka kwigama lesi Dutch elingu hert elithetha impunzi nelingu beest elithetha isigebenga.
Eligama lingu hartebeest lalisetyenziswa ngamabhulu okuqala, awayecinga ezi zizilwanyana zifana nempunzi. Aze ke u Hartebeest ibeligama le Afrikaans elithetha u hartebeest.