Esi sinambuzane sisinambuzane esinoqweqwe esihlasela iingcambu zediliya, ezivamise ukuba nobunzulu obungama 40-60 cm. Ezi zinambuzane zikwaziwa njengezinambuzane ezitya iingcambu zomdiliya, zingabonwa kakhulu emhlabeni ukuqala kwinyanga ka Disemba ukuya kweka Meyi.
Zisasazwa ngezixhobo zokuvunguza umhlaba kunye namanzi. Iimpawu zokuqala zokosuleleka kwe perile kukukhula nzima kwesityalo. Kuvamise ukuba ithi gqaba gqaba kwintshimi yediliya. Amahlumela ediliya abamafutshane kwaye abhitye kunye namagqabi amancinane agobele ngezantsi. Kodwa ke, akukho mpawu imiyo yokosuleleka kwe perile.
Zilishumi iindidi ezifumanekayo eMzantsi Afrika, kodwa zintlanu kuphela ezichaphazela intsimi yediliya ngokwezemali. Inani elikhulu lezityalo, ingakumbi ingca, ziyonakala. Ngokuphuhliswa kwentsimi ezintsha zemidiliya, kubalulekile ukwazi ukuba zeziphi izityalo ezihlala iiperile. Ngalendlela ukunwenwa kwendalo kungathintelwa.
Umthi onameva obizwa (Acacia erioloba), noxhaphake kakhulu e Orange River kunye nakwii ngingqi zase Mpumalanga, usandula kubonwa njengesityalo esihlala iiperile. Ezinye izityalo ezihlala iperile zezinye iindidi eMzantsi Afrika azikaziwa.
Akukho khemikhali yokulawula iperile ikhoyo ngalomzuzu, kodwa kuyacetyiswa ukuba amavili etrekthara kunye nezinye izixhobo zicocwe xa zisukwa kwindawo esulelekileyo zisiya kwii bloko ezingekasuleki.
Translated By Zizipho Silwana