Izifo Ezaziwa Ngokuba zi 'Metabolic Disease'

© Dr Jan du Preez

I’metabolic disease’ zi zifo ezingosuleliyo kwaye zenziwa kukutya okungekho sempilweni. Ziyathanda ukuvela ezizifo ngexesha lokuzala, kodwa izifo ezaziwa nge metabolic disease ezininzi zongathintelwa ngolawulo lokutya okusempilweni.

Iimpawu zomkhuhlane wobisi kwi Nkomo zo Bisi

©Dr Jan du Preez
Umkhuhlane wobisi (milk fever) wenzeka xa kuzalwa okanye kwintsuku ezintathu ukuya kwezine emveni kokuzala, kwinkomo ezindala ezivelisa ubisi oluninzi. Kwaye iqhelekile kwinkomo iJersey kunezinye iintlobo. Umkhuhlane wobisi wenziwa kukwehla kwe calcium (Ca) egazini ngenxa yokuvelisa ubisi. Ngexesha lokungavelisi ubisi, inkomo zobisi aziyidingi kakhulu icalcium. Xa inkomo izala nase mveni koko, izidingo ze calcium enkomeni ziye nyuka kwangoko ngenxa yokuncancisa. xa ukutya kwe calcium kuse zantsi, icalcium iphuma emathanjeni. Xa oku ke kusezantsi, ihypocalcemia (umkhuhlane wobisi) ubakhona, ukwabizwa ngokuba yi downer cow syndrome kuba iinkomo ziphulukana nemisipha, oku kuzenza zilale.
Mathathu amanqanaba abalulekileyo wo mkhuhlne wobisi (milk fever):
Okokuqala, iinkomo ezichaphazelekileyo zibonakalisa iimpawu zokudlwayiza, ukutatazela, ukukrwempa iindlebe nokulala phantsi.
Okwesibini, iinkomo zilala ngesisu, ntloko ifakwe ecaleni.
Okwesithathu, inkomo zilala ngecala kwaye azishukumi, azibikho sengqondweni, oku kukhelela ekufeni.
Unyango kwangexesha kwakuquka inaliti eyaziwa nguba yi (Intravenous Ca injection). Uthintelo lujoliswe ekutyisweni iinkomo ezingena bisi.

Ukuqunjelwa kwi Nkomo zo Bisi

Ukuqunjelwa kwenziwa ngu moya ongcolileyo esiswini omninzi kwi rumen yenkomo. Ngesiqhelo, lomoya uphuma ngoku bhodla. Ukuqunjelwa kwenzeka xa iinkomo zisitya iimbotyi emadlelweni, ezifana ne clover ne lurcene entwasa hlobo. Iinkomo ezisencinci ezizifunza emadlelweni amancinci zise mngciphekweni. Iintseni ezinombethe engceni okanye okanye ukusibekela, iintsuku ezinomoya nazo zinokwenza noqhambuko.
Ukuqunjelwa kunga thintelwa ngokutyisa ingca okanye ingqolowa phambi kokuba iinkomo ziye endle. Kunge njalo iinkomo kufuneka zikwazi ukungena emadlelweni ixeshana, mhlawumbi iyure enye okanye ezimbini kuphela. Ukunxuza iinkomo emveni kokusengwa ngesepha emlonyeni kuyenziwa apho iinkomo zityiswa khona emadlelweni e New Zealand. Kunge njalo, kungo ngezwa ingca ekutyeni kwazo.
Xa iinkomo ziqunjelwe kwaye zinomvandedwa, umoya kufuneka ukhutshwe ngokusebenzisa I trocar (inaliti ekhethekileyo enamacala amathathu.) okanye inaliti ende ye milk fever. Indawo yokuhlaba ikwicala lase khohlo, indawo engango bubanzi besandla evuliweyo, emveni kwe mbambo yokugqibela nomgama olinganayo ngaphantsi ekupheleni kwembambo ezimfutshane. Ugqirha wezilwanyane kufuneka avale apho kusikwe khona akugqiba anikeze unyango lwe -antibiotic ukuthintela ezinye iingxaki.

i-Acidosis

i-Acidosis yenziwa ziinkomo ezitya ezinye iintlobo zokutya ezingenayo ingqolowa (roughage) kwaye okuphezulu kwi carbohydrates ezididiyelweyo ezifana nombona, wheat ne barley.
Izinga le acidi namanzi kwi rumen iyashiyana ngexesha le yure ezingama 24. I- Acidosis yenzeka xa amazinga we acidi ephezulu, kwi pH engu 5.5. oku wenzeka ka ukutya kune carbohyrates ezididiyelwayo kwaye kunge ngqolowa eyenza umzimba udlamke, iroughage. Ngenxa yoku, ukuhlafuna kuyehla, oko kwenze ukwehla kukuhlafuna. ngexesha loku hlafuna kukho lamathe aginyekayo enza ukwehlisa noko nyusa amazinyo.
Ukuthintela i-acidosis, nciphisa ukutya ukuxutyiweyo uquke ingqolowa ekutyeni. Ingqolowa ende ekutyeni ikhuthaza ukuhlafuna emveni kokutya. Kuquka uthengiso le soduim bicarbonate (baking soda’) ekutyeni xa utyise ukutya okuxutyiweyo, yona ke ingehlisa izinga lwe acidi kwi rumen.

Translated by Zikhona Plaatjie