Inkcazelo nge Hodi

©Ann Gadd
Amahodi (Potamochoerus larvatus) afumaneka ukusuka kwiindawo ezise mantla nase mpuma eMzantsi Afrika, ukusuka emazantsi ephondo lwa KwaZulu-Natal, embindini wephondo le Free State, kunye nakumaphondo eMpuma nase Ntshona Koloni. Ngoko hlolo lweA conservation assessment of Potamochoerus larvatus olubhalwe yi South African National Biodiversity Institute and Endangered Wildlife Trust, inani lesilwanyana ngasinye liba phakathi kwe 0,3 kunye ne 0,5 kwi square kilometre ngasinye. Imida yamakhaya azo abaphakathi kwe 3,8 km² ukuya kuma 10,1 km², kuxhomekeka nokubakho kokutya.
Amahodi akhangeleka okwe hagu. Anemizimba enoboya kunye noboya kwincam yeendlebe. Uboya obuse busweni buvamise ukuba nombala okhanyayo kunobo busemzimbeni.Ezi zilwanyana zingakhula zifikelele kwi 1.7 m ubude, zize zibenobunzima obuqala kuma 46 kg ukuya kwi 115 kg.
Ziba neqabane elinye ngexesha, kunye namaqela anemazi enye ezalayo, inkunzi enye ezalayo kunye nesizukulwana esinye okanye ezibini zenzala yazo. Iimazi zikulungela ukuzala ukuqala kwiinyanga ezingama 21 ubudala. Zingazala amantshontsho afikelela kwisithandathu ngexesha. Iimazi zenza iimfukamo zokuzalela, ngengca.

Indlela yoku Bulala neyoKutya

©Nigel Dennis
Ngokubhalwe kwi Predation Management Manual, amahodi aphithizela kakhulu ebusuku, kodwa asenokubonwa nakwiiyure ezipholileyo zemini ukuba awaphazanyiswa. Atya inyama kunye nezityalo. Asebenzisa iimemfu zawo ezomeleleyo ukomba iingcambu,namagaqa aphantsi komhlaba. Nangona ebonwa njenge zonakalisi kwiifama zombona, zomoba, ezeziqhamo kunye nezama ndongomane, azifane ziyihlasele imfuyo.
Ayafana ke nemfene, awanandlela ikhethekileyo yokubulala ixhoba, asebenzisa amabamba awo ukukrazula ixhoba livuleke. Zitya phantse wonke umzimba wexhoba kwaye zishiya kuthe saa apho bezityela khona.

Ulawulo

©Nigel Dennis
iThe Predation Management Manual icebisa ukuba amafama angathintela ukonakaliswa kwezityalo kunye nemfuyo ngokubiya ngamacingo omeleleyo, nane micu noba mibini yamacingo ombane. Kungenjalo, amafama angenza uthango ukukhusela imfuyo okanye agadise abelusi bezimvu. Kusenokusetyenziswa nezilwanyana ezigana imfuyo, ingxolo, ukukhanya okanye amavumba ukuthintela ilahleko. Amahodi anokuthiyelwa nangonaxhaka beminatha.
Ngokubhalwe kwi, The Predation Management Manual kucetyiswa ukuba amafama asebenzise izinto zokuziloba, ukuze ezi hagu zize ngobuninzi kulemigibe. Xa kukho nemphepha mvume ezifanelekileyo amahodi angazingelwa nangezinja okanye ebusuku. Izinja ezizingelayo, akufunekanga ziyekwe zisondelane namahodi, ngenxa yezizathu zemphatho kakuhle yezilwanyana.

Translated by Zizipho Silwana