IiNgxaki zee Bhokhwe eMadlelweni

© Chris Daly

uKuqunjelwa Kwesisu se Bhokhwe

Ukuba iibhokhwe azange zibekhona emadlelweni, zazise kancinci kancinci ngokuvumela imizuzu engamashumi amathathu emadlelweni ngosuku lokuqala. Nyusa ixesha lokutya emadlelweni ngemizuzu engamashumi emathathu rhoqo ngosuku. Oku kungathintela ukuqunjelwa kwesisu okwenziwa kukutshintsha kohlobo lokutya kwebhokhwe. Ukuqunjelwa kwenzeka xa umoya uvaleleke esiswini kwaye ibonakala ngoku dumba esiswini ekhohlo.
Yimeko eyingozi kakhulu. Ukuqunjelwa kwenziwa kukutya ingqolowa eninzi. Oku kunganyangwa ngoku sebenza ngemibhobho yesisu (kwimeko ezingxamisekileyo), amayeza aselwayo okuqunjelwa okanye I’milk of magnesia’. Hamba nebhokhwe kancinci utyise ingca eyomileyo.
Ukuqunjelwa okwenza ugwebu kwenziwa kukutya kakhulu, ukutya okufumileyo okufana ne ‘clover’, alfalfa okanye iimbotyi emadlelweni. Lamaqampu mancinci enza nzima okokuba ibhokhwe yetyise okanye ibhodle. Ukunyanga ukuqunjelwa okunamagwebu, uDr Mackie Hoson we South African Mohair Grower’s Association ucebisa okokuba: unikeze amafutha okupheka angumlinganiselo (20 -100ml) nokuba kungomlomo okanye ngombhobho.
Nyanga nge Bloat Guard ukuphelisa ugwebu. Oku kunceda ukukhupha umoya unyuse amanzi esiswini. Umlinganiselo ongekho kwi layisenisi yi 10ml kwibhokhwe. (Kwinkomo ezibunzima obungapha kwe 200kg, umlinganiselo yi 30ml ye Bloat Guard.) Ukuphakamisa imilenze yebhokhwe yangaphambili kunganceda ukukhulula umoya esiswini emveni konyango nge Bloat Guard.

iZityalo Ezinga Zilungelanga iiBhokhwe

©Dr Mackie Hobson
Jonga kumadlelo izityalo ezinobugozi eziqhelekileyo ezifana ne yew (Taxus baccata) okanye amagqabi womthi weziqhamo ezifana ne (cherry, ipesika, plum) ziyabulala, nokuba zityiwe zibhokhwe kancinci kangakanani na. iMoraea (Iridaceae, tulip) kunye ne Drimia (Hyacinthaceae, okanye Slangkop ngesihuu) zivela phambi kwemvula kwaye ingazezona zihlaza ngombala ezikhoyo. Ezinye eziyithyefu (ezingafumanekiyo emadlelweni) ziquka umdiliya (duwweltjie ngesibhulu okanye Tribulus terrestris), oleander, igqabi eliyi tyhefu kunye ne ‘Plakkies’ entubululu.

Iincukuthu kwi Bhokhwe

Uhlobo lokutyisa lokujikelezisa kumadlelo yeyona ndlela ilungileyo ukusebenzisa umhlaba wakho nokugcina iibhokhwe zakho zisempilweni. Uzakudinga amadlelo oneleyo ukuze umhlaba uwuyeke uphumle. Ukuvumela umhlaba uphumle (nokuba yinyanga) uvumela ingca ukuba ikhule ibekubude bayo obuqhelekileyo – 10cm nangaphezulu, phambi kokusetyenziswa kwakhona. Oku kuthintela nokubola emhlabeni wakho nokuba imfuyo yakho iphinde isuleleke zincukuthu ngaphakathi. Kubalulekile okokuba uqonde iibhokhwe emadlelweni kuzakubalula ukusuleleka noqhambuko lwencukuthu ngaphakathi kwaye iziyobisi ezichaseneyo zinganeziphumo ezingathandekiyo kubisi.
Xa iibhokhwe zikhangela, zihamba zishiya amaqanda encukuthu nencindi yawophantsi. Ubuninzi bezi zihlala ngaphantsi ko 10cm. ngokujikelezisa iibhokhwe zakho emadlelweni ekhuliswe ngaphantsi ko 10cm, unceda ukunciphisa ubuze bazo kwincukuthu.iibhokhwe nazo ziyo suleleka zincukuthu zangaphakathi xa sisitya kwidlelo elinomhlaba omninzi. Iincukuthu zifumaneka kwilindle lebhokhwe kwaye iibhokhwe ziyagula xa zither zatya oko. Ubomi bezincukuthu buya Qhubeka xa amaqanda ehanjiswa ngelindle leebhokhwe.
Iincukuthu zanga Phakathi zikumaqela amathathu alandelayo:
Iintshulube ezingqukuva – wireworms zezona ziqhelekileyo kwaye zinobu ngozi kwi
Iintshulube ezingqukuva ne Tapeworms.
Flukes – intshulube embaca etshabalalisayo.
Intshulube ezingqukuva (nematodes) zezona ziqhelekileyo ezizincukuthu zanga Phakathi kwi bhokhwe, uninzi luhlala esiswini nakwi sibindi, kodwa nase sifubeni. Iimpawu ziquka ukuhambisa nokubhitya.
Iintshulube ezimbaca, zibonakala zimbaca kakhulu emgqubeni webhokhwe kodwa azenzi monakalo mkhulu kwibhokhwe.

Isifo I’liver fluke’ yenza umonakalo kwisibindi kwaye iimpawu ziquka ukuhambisa kwesisu, ‘bottle jaw’ (ukudumba phantsi kwentamo) kunye ne anaemia (igazi elisezantsi emzimbeni). Gcina iibhokhwe kude kwindawo ezimanzi ezinodaka. Iimpawu ziquka incukuthu ngaphakathi kuquka ukuphatsha, apha emehlweni, ukubhitya, ukungabinamandla wanto, nokungabina mdla wokutya. Ibhokhwe ingahambisa, ikhohlele, isikhumba siqine, nemveliso yobisi yehle.
Ukunyanga iincukuthu zanga phakathi kufuna ukukhupha iintshulube okucingisiweyo kwaye kwenziwe kakuhle. Umfama kufuneka azibone iingxaki acele kugqirha wezilwanyana ingcebiso. Thatha imizekelo yomgquba we bhokhwe endala enye okanye ezimbini nomntwana omnye okanye ababini. Ugqirha wezilwanyana uzakubala amaqanda ukubona olona suleleko.

Translated by Zikhona Plaatjie