Igcebiso Ngezindlu Zokuhlala Inkukhu

© Chris Daly
Phambi kokuqala ishishini loku fuya iinkukhu, cinga ngemithetho ka Masipala malunga nezilwanyana kwindawo yakho. Le mithetho iyohluka kumasipala ngamnye kwaye ibeka imithetho malunga nenkukhu nemeko Inkukhu ezinga gcinwa kuyo. Kungakho imithetho malunga nentaka nomgama emazigcinwe kuwo ezindlwini, imizi, nezitalato nendlela nemithetho yokujongana ne lindle lenkukhu, kwaye nezigulayo.
Ukuba ne fama akuthethi kuthi uyakwazi ukufuya iinkukhu. ukuba akuzange kwathengiswa Inkukhu kwi fama, kuyadingeka okokuba abasebenza ngemihlaba bazokujonga Imfuyo ingawuchaphazela njani umhlaba. Kungakho nemithetho ekufanelwe ilandelwe, umzekelo indawo yemveliso kufuneka ibekude kwi ndawo ye ziqhamo ne hagu.

Izidingo Eziphathekayo

©Chris Daly
Indlu ingathatha indawo ezinzileyo okanye ehamba hambayo. Impilo yomhlambi nobomi bayo kufanele ibezezona zibalulekilyo xa kusenziwa okanye besakha. Kunga ngcono ke ukugcina amarhamncwa kude, izenza Inkukhu zonwabe, kube lula ukuzicoca yene lula nokujongana nemfuyo. Kufanele ijongeke kakuhle, igcinwe kakuhle ukuze kungaliwa naba melwane.
Kufuneka kucwangciswe, nokwakha xa kubekwa isakhiwo ukuze nomhlaba usebenziseke kakuhle. Ukuze ubushushu bugcwale indawo yonke, umzekelo kungangcono ukuyakhela kwicala elijonge kumantla nama zantsi. Loxa amacala amancinci ejonge empuma nase ntshona. Isakhiwo kufanele sakhiwe ejonge ezantsi ukukhawulelana nengxaki zokuhambisa amanzi, idrain.
Kuzo zombini indawo ezimileyo nezihamba hambayo, kubalulekile ukuqinisekisa umoya uyangena. Kwindawo ezingena umoya ngokwendalo, zezona zifikelelekayo kunendawo ezivalekileyo, kufanele kubekho ifestile ezine midiya diya ezivulekayo zivaleke ukuzama ukujongana nobushushu apha kwisakhiwo. Ifestile zingogqunywa ngocingo ukugcina intaka zasendle ngaphandle ezinokuza nezifo.

Ubungakanani Bendlu Kubalulekile

©Chris Daly
Ubungakanani bendlu kufanele bujongwe. Ukungasebenzisi indawo ngokuhlakanipha kuzakwenza amaxabiso okuthengisa onyuke.kungcono ke ukuqala kancinci wakhe ezinye izindlu xa Imfuyo isanda.
Ngokomthetho wokufuya nokwakhela iinkukhu weSouth African Poultry Association, ukoleka indawo ezingaphezulu kweveki ezilishumi eline sibhozo kwi ndlwana kufuneka kukwazeke ukungena noko 450cm2 yendawo, apho ke kungo lekwanga ileyazi ezilishumi ngokwe square meter xa kufuywe Inkukhu ezyi free range okanye ibarn system.
Kwimveliso ye broiler, ubunzima bentaka akuvumelekanga budlule kwi 40kg per square meter kindawo yomgangatho, loxa intaka ezibudala iveki ezine kwindlwane kufuneka kufuneka zifike noko ku 450 cm Ntaka nganye. Istocking density ezinga phezulu 15 adult broilers ngokwe square meter uvumelekile kwi mfuyo eyi free range ne barn system. Ubude bendlwana nezindlu kufuneka intloko xa imile Inkukhu zikwazi ukuamba hamba.
Ngeihambayo, kubalulekile ukuhambisa isakhiwo ukuthintela overrazing ukunikeza indao ezi grazed ixesha lkuphila phambi kokuba indawo ibuyiselwe.

Translated by Zizipho Silwana