SQLSTATE[HY000]: General error: 144 Table './aatc/tiger_page_view' is marked as crashed and last (automatic?) repair failediFree Range ne Mveliso iOrganic Poultry

iFree Range ne Mveliso iOrganic Poultry

© Chris Daly
Ngelixesha lokubhalwa, uMzantsi Afrika ubungena mthetho malunga noku beka ilogo yenkampani kwemveliso zenkukhu ezi organic okanye free range ngolwimi lwase mzini. Loxa kungekho mthetho, onovenkile abaninzi bazenzele eyabo imithetho xa imveliso ikulungele ukubekwa eso sitampu sichaza oko kuba ifree range okanye organic.

Inkululeko Ezinthanu

©Chris Daly
iSouth African Poultry Association yenze eyayo imithetho ukuncedisana abafuyi benkukhu ezivelisa amaqanda. Ngokwe mithetho yoveliso, zonke iintaka, nokuba zikhuliswe ezindlwini, kwindlwana, free range okanye organic kufuneka zibenolwazi lwe nkululeko ezintlanu, ezichongwe yi World Animal Organization, zezi:
  • Inkululeko ekulambeni, ukungondlisiseki,ukunqanda ukunxanwa ngobukho bamanzi asempilweni nokutya okulungileyo.
  • Inkululeko kulo yiko nomvandedwa, ngokuvelisa imeko ezinqamlana nokuhlupheka/ ukungaphatheki kakuhle.
  • Inkululeko yokungaziva kakuhle, ngokuthi kubekho izindlu.
  • Inkululeko kwi ntlungu, ukonzakala, nezifo ngokuthi zithintelwe okanye, zifunyaniswe kwangethuba zinyangwe, nezinye imeko zempilo.
  • Inkululeko yokubonisa isimilo sezilwanyane, ngokunikeza indawo eyaneleyo kwindawo ezilungele kunye nezinye izilwanyana.

Imveliso i-Free Range

©Chris Daly
Indawo yangaphakathi
Ukuze inkukhu ezenzelwe ukuvelisa inyama, zicalulwe njenge Free Range, i- Broiler Production Code of Practice iyacacisa okokuba akuvumelekanga ukugcina intake ezingapha kwe shumi elinesihlanu kwi square metre esinye kwindawo yokugcina iinkukhu. Eli nani lehla liye kwinkukhu ezilishumi ezindala nge square metre xa injongo ikuvelisa uhlobo lwe free range. Nedawo yokuqokelela amaqanda okanye ukuwa thengisa enebhosikisi yona ayibalwanga.
Ukugcina inkukhu kunga nyuswa ibezintaka eziyi 12 nge square metre kwizindlu ezinezikhukhu kazi, ezi zindlu akufanelanga zibe ngaphantsi kwe 15 cm nkukhu ngaye, kwaye kufuneka kubekho isithuba kumacala omabini, esingange 1,5 cm ukuvumela inkukhu zidibane nemiqhagi ngaphandle kokwenzakalisa inzipho zazo ngoku ka Pullet Rearing and Table Egg Production Code of Practise.
Kufuneka ingqweji ezaneleyo, ukuze izkhukhukazi zingabeki amaqanda phantsi bhaxa. Apho kusetyenziswa khona iibhokisi kufuneka, kufuneka kubekho ingqweji enye kwinkukhu ezisibhozo nalapho kusetyenziswa ingqweji zinkukhu zonke, nook ingqweji ye square metre ingazilungela intaka eziyi 125.
Izikhukhukazi kufuneka zibekwi ndawo ekhanyayo, ubuncinci beyure ezilithoba zokukhanya ngokukhanya kwase mini okanye izibane. Rhoqo kwithuba leyure eziyi 24, nobuncinci beyure ezisibhozo zobumnyama.
Zombini inkukhu zamaqanda nezenyama, ubuninzi benkukhu endala enye kwi 5 centimetre kwindawo yokutyela, uba kusetyenziswa icheyina okanye ibhokisi yokutyela evuleke macala. Xa kungeneka kwicala elinye kufuneka nkukhu ngaye ibeno 10cm, xa kusetyenziswa ipan okanye imibhobho yokutyisa, ubuninzi benkukhu eziyi 40 kwindawo yokutyela nganye.
Indawo yangaphandle
Inombolo zichaza imeko zendawo yangaphandle, yenkukhu ifree range zenyama namaqanda: izinga lenkukhu ngaphandle endlwini akufuneka zidlule kwintaka ezintlanu ngokwe square metre. Ukubiwa kwemfuyo ephilayo kuyathintela ukuvelisa ezinye intlobo, ngokwe South African Poultry Association.
Lendawo ngaphandle apho intaka zigcinwa khona, kufuneka igcinwe ukuze ubuncinci be ngxenye yemifuno ephilayo ngalo lonke ixesha. Ujikelezo ngolimo kunganceda kulawulo lo mhlaba kunciphise umngcipheko wokudliwa zirhorho.
Intaka kufuneka zifumane umthunzi, nokuba yimithi, okanye uzenzele ozi metre ezine zomthunzi kwintaka eziliwaka. Intaka kufuneka zibekwindao egqumathelweyo kwaye kubekho ucingo lokuzikhusela kumarhamncwa.

Imveliso – Organic

©Chris Daly
Amafama asebenzisa amashishini abucala ukugximfiza imveliso zabo okokuba azingxengwanga (organic). enye nenye kwezi nkampani inemithetho yayo ekufanele ibe iyagcinwa. Kodwa ke, imveliso kufanele ibe i-organic xa ikhuliswe ngokwendalokungasetyenziswanga mayeza, khemikhali zokuzikhulisa, nezithinteli zemibungu.

Translated by Zizipho Silwana