Goat's Foot
Unyawo lwe Bhokwe

Igama

Unyawo lwe Bhokwe (Goat's foot okanye Morning Glory)

Igama lesi Latin

Ipomoea pes-caprae subsp. Brasiliensis

Apho ikhula khona

OYenye yezityalo zokuqala ezathi zazinza kwinduli zasenyeleni yolwandle. Zikhula kwindawo ezininzi ngenxa yokusasazeka kwembewu yayo ngamaza olwandle.

Inkangeleko

Isityalo esinwenwayo, sineziqu ezide namagqabi amile okwephuphu zebhokwe Iintyatyambo zakhiwe okwe xilongo zinombala omfusa oqaqambileyo. Amagqabi angama 60 mm ubude neziqu ezizi mitha ezininzi ezahlukileyo ubude. Iindidi ezifana nayo Canavalia rosea (Umntla Natal ukuya e Mozambique), nayo sisityalo esikhula esidulini sesanti, inentyatyambo ezincinci ezi mfusa. Zifana nesityalo se ertyisi.

Amanqaku asendle

Unyawo lwe Bhokwe lufumaneka kumalwandle akwindawo ezinetha kakhulu nakwiziduli zesanti yakumalwandle aseIndia, Pacific nakwi Atlantic. Esi sityalo sixhaphakile kwaye sichuma ngakumbi kwindawo apho simane sitshizwa ngamanzi anetyuwa. Imbewu ibhapha phezu kwamanzi kwaye iyakwazi ukumelana netyuwa. Ingumzekelo omhle wezityalo ezanda ngokukhukhuliseka kwembewu yazo lulwandle.