African Elephant
Indlovu

© Justin Fox

Igama

Indlovu [Loxodonta africana]

Ukwazisa

Indlovu sesinye sezilwanyana esikhulu elizweni, ubunzima zii ton 7 sibude 3.3m ukuma nje ngamgxa. Zinobomi obude kufika kwiminyaka eyi 70. Iimpondo ebunzima 50 – 60 kg, kodwa zikhona neegxelo ezi balisa ngemiboko engu 90 kg.

Inkangeleko

Umboko we ndlovu ukwazi uvha ivumba elikude kakhulu elifana namanzi aphantsi komhlaba. Indlovu inemisipha eyi 50 000 embokweni wayo. Imilebe esekupheleni komboko yenza uba zikwazi uchola namasebe amancinci okanye atsale ingca ngeengcambu zayo.

Lamadolo siwabonayo azo, kuthe kanti zizihlahla, le ke yimpazamo exhapakileyo kuba zikhangeleka okwamadolo.Umahluko phakathi kwethu neendlovu kuba izanadla neenyawo zethu zinamathambo amaninzi ohlukeneyo loxa zona awzao amathambo edibene kwaye sele atshintsha ukulungiselela esi silo.

Iimpondo, zezo khangela ukutya, ukulwa phakathi kwee Nkunzi, nokuzilwela xa zise ngxakini zikwasebenza nje ngamazinyo

Ukutya

Indlovu sisilo esitya kakhulu, ngosuku sitya 272kg zokutya, zitya ingca, izityalo, izigodo zemithi. Indlovu ekhule yagqibelela isela amanzi anga 200 litres ngexesha. Ize ikhuphe ubulongwe obu 150kg ngosuku, kodwa lubeka izihlandlo eziliqela ezishiyana mgemizuzu eyi 15.

Ukuzala

Iindlovu ezi azinaxesha limmiselweyo lozala. Kumaxesha amaninzi zizala itakanane libelinye ngexesha emva kweminyaka eyi 3 -4. Zikhulelwa iinyanga ezi 22, xa sezi zala zifumana itakane elibunzima li 100kg. Zibe sezigqibile ulunyulwa kwisithuba see nyanga ezi 18 – 24. Itakane eliyimbedlenge liye lifumane uhoywa kumdlezana okhoya phakathi kweqela leendlovu okanye lincanciswe ngabanye abadlezana abakhoyo.
Iindlovu ziba ngoonozala abano nonophelo, ingakumbi ngoba kumele zifundisa amathole azo indlela yokuphila,ziye zihlale nalo mathole ithuba elide. Iimpondo ziqala untshula emva kweenyanga ezi 16 kodwa ziqala ubonakala emva kweenyanga ezi 30. Xana sele zilunyulwe kwisithuba seminyaka eyi4 -5 ziqhubeka zihlale neqela ezizalelwe kulo.Iimazii zikhula ngokugqibeleleyo emva kweminyaka eyi 11 loxa iinkunzi zithatha iminyaka eyi 12 – 15, emva kwelithuba ziye zikhutshelwe ngaphandle kweqela elo. Loxa selezilungele uzalisa ziye ziqale oko emva kweminyaka engamashumi amababini nangaphezulu xa sele zikhulile ngokokuhlala.

Ukuziphatha

Iinkunzi esele ziqolile zizakhele iqela lazo lizihlalele. Iindlovu ezi zithanda uhlala ngamaqela Iinkunzi neemazi kunye namathole azo lamaqela aye akhokelwe yimazi endala phakathi komhlambi lowo. Ngaphandle kosela amanzi amaninzi ziyakonwabela udlala zidakase emanzini.Zithanda kakhulu udlala eludakeni.
Bekukhe kucingwe uba Iinkunzi zikhokela imihlambi le kodwa kwafumaneka uba ziimazi ezi zikhokela lemihlambi. Ngamanye amaxesha Iinkunzi zibuyela kulemihlambi yeemazi ukhangela ezinoba zisexesheni lokwabelana ngesondo. Imihlambi emininzi iyakwazi uhlalelana kufuphi ide yazane kakhulu.
Zibukhali kakhulu ezi zilwanyana, kwaye zonke zibalasela ngeempawo ezahlukileyo.Ziyathanda ke nodlala ngokungathi ziyalwa zidlokove ziqhumise uthuli zingxole zivule neendlebe ngokufuna nje ukothusa utshaba. Ukuhlasela kuye kwenzeke xa sele zizame zonke iindlela zokothusa iintshaba zalo. Amadlebe abuya umva ze intloko nomboko zijonge phantsi, kuye kushiyane ke nge ncubeko nobukhali bengqondo uba zizikhusela njani na.

Unobangela wodlokovisa amadlebe

Noxa kusaziwa, xazi phekuza amadlebe sube zipholisa imizimba okanye ziphekuza izinambuzane eziphazamisayo.

Zifumaneka phi?

Pha phambilini bezifumaneka kwiindawo ezininzi e Afrika kodwa licutheke kakhulu inani lazo ngoku. Apha eMZantsi Afrika zifumaneka e Kruger National Park apho zilondolozwa khona. Kubonakala ngathi liyanda kwakhona inani leziNdlovu usuka kuqikelelo lwe 120 kunyaka 1920 kumabala nje amane ukuya ku 10 000 kumabala angamashumi amane

Amanqaku

Zingahlulwa kubini iindidi ze Ndlovu enye Yi African Bush enye encinane ibizwa iAfrican Forest.