Dwarf Mongoose
Unomatse

© Nigel Dennis

Igama

Unomatse [Helogale parvula]

Inkangeleko

Idwarf Mongoose luhlobo lonomatse yaye lolona hlobo luncinane kwiintlobo zonoomatse, kwaye zonke iimazi neenkunzi zibunzima obuzii-350- 400g, ubude bona bubezii-250mm umsila nawo ulingana nobude bomzimba. Ziye zikhule ngokugqibeleleyo kunyaka wazo wesibini zizelwe. Uboya buyafana umzimba wonke zinombala omdaka othanda uba nobubomvu.

Ukutya

Ziye zitye izinambuzane ezizintlobo ngeentlobo. Zihlasela izinambuzane xa zihleli emhlabeni okanye zizigrumbe phantsi komhlaba. Ziye zithi zisitya kodwa zibe zikhangela amarhamncwa anokuziqwenga.

Ukuzala

Zikhulelwa isithuba seentsuku eziyi-63 zize zizale phakathi kukaOkthobha kunye noMatshi, isizalo sibanamantshontsho amabini, amathathu okanye amane ngexesha. Ixesha lazo lokwabelana ngesondo lifikisana nexesha leemvula ezininzi. Ibanye inkunzi ezalisa iimazi zamaqela ohlukeneyo. Zithi ke ezinye zincedise ukukhulisa amantshonsto lawo. Ziyasokola ke noko iimazi ezingafumani mncedisi wokhulisa amantshontsho.

Ukuziphatha

Zihlala zingamaqela ahamba ngexesha lasemini nexesha lazo lokutya lisemini. Amaqela azo makhulu, iba ngamalungu alishumi elinesibini iqela ngalinye. Ngobusuku zilala kwimingxunya egrunjwa zizinambuzane kufuphi nemida yazo.

Ikhaya

Olu hlobo lukanomatse lukhetha ukuhlala kumahlathi omileyo.

Apho afumaneka khona

Lo nomatse ufumaneka kumahlathi aseMntla naseMntla-Ntshona, eMpumalanga nakuMantla aKwazulu-Natal.

Amanani-nkcazo abalulekileyo

Ubunzima
Iimazi: 210 – 340kg
Iinkunzi: 210 - 340 g
Ubude
Iimazi: 18 - 28 cm
Iinkunzi: 18 - 28 cm
Ubude bexesha lokumitha: Inyanga enehafu
Inani lamantshontsho: 2 - 4
Uhlobo: Carnivora
Usapho: Viverridae

Inkcazelo ngamanqina

Iinzwane ezintlanu ziba kumaqatha angaphambili ucikicane ume bungasemva kwezinye iinzwane. Uzwane lokuqala lungaphambili apha eqhatheni,lubonakal xa ihamba kancinci, kodwa xa ibaleka alubonakali.Amaqatha angasemva nawo aneenzwane ezintlanu kodwa kubonakala nje iinzipho ezinde zozwane lokuqala. Iinzipho kumaqatha angaphambili zibubude bee-10mm ukunqumla umnwe. Zidalelwe ukomba loxa ezingasemva ziimfutshane.