Iintlobo Zenyama yoMvundla

© Judy Stuart

Inyama ye Mivundla enga Xutywanga nge Nzala

UMzantsi Afrika unentlobo ngentlobo zemveliso yenyama onoku khetha kuwo. Imfuyo zenzelwa isizathu esikhethekileyo kwaye ngakumbi umvundla usondela kumgandatho wemfunyo yaso ngokungcono imveliso. Kubalulekile ukukhetha isizalo esisiso.
Xa umvundla uzalela ukudliwa ezindlini, kuye kungabina msebenzi okokuba mvundla nomvundla ozelweyo unomahluko. Kodwa kuye kuthi xa izilwanyana zithengiselwa ingeniso, ubaluleke okokuba ezithengisiweyo zifane oku ke kwenzeka xa isilwanyane sicocekile ngoko kuzalwa.
Iintengiso ze Stud Stock zikulungele uku khukhumalisa ingeniso yemivundla esazalayo. xa izilwanyana ziludidi oluphezulu, amaxabisa angcono angathi abizwe njengamaxabiso okuqala intengiso kuba velisi abatsha.
Intengiso ye pelt ifuna kufanwe ukuz ifikelele kumaxabiso aphezulu. Umfama ovelisa i-pelt eziludidi oluphezulu angavelisa imveliso eli xasele eliphezulu ngamaxabiso aphantsi.

Inzala Yomvundla Ngenjongo Yokuvelisa Inyama

Ngaphambi kokukhetha ukuvelisa inyama yomvundla, kubalulekile ukujonga eyona ndlela yokulima engcono ngokwezi dingo zakho.

Imivundla Eyaziwa Ngokuba zi New Zealand Whites

Kumazwe jikelele imivundla eyaziwa ngokuba zi New Zealand whites ibonakale itembekile ekuveliseni inyama. Zona ke zilungele kwindlela yolimo lokuthengiswa. Zaziwa ke zingo mama abalungileyo, kwaye zingakhulisa amantshonstho amahlanu (5) ukuyoma kwisibhozo (8) ngokwe litter kwaye ukuyokuma kwi litter ezisibhozo (8) ngonyaka xa zilinywe phantsi kwe meko ezincomekayo. Lendlela yolimo ifuna amanqanaba aphezulu yemivundla eveliselwe ukuthengiswa. Imivundla emincinci ke iye ikulungele ukuxhelwa ukususela kwi veki ezilishumi (10) ukuyoma kwiveki eneshumi eline sine (14). Ziye zivelise isikhumba sodidi oluphantsi.
Xa ubani efuyile okanye evelisa imivundla nge njongo zoxhelwa zityiwe ekhayeni okanye ekuhlaleni, ukuzityisa ukutya okwaziwa ngokuba yi ‘roughage’ akusiso isigqibo esilungileyo

Imivundla Eyaziwa Ngoku zi-New Zealand Reds

©Judy Stuart
Imivundla i-New Zealand Red zinesikhumba esibomvu kwaye esityebileyo. Lombala wazoke ufana nombala we Mbabala. Zona ke ziye zikuqhele ukutya okune roughage ephezulu, kwaye nemveliso yazo inezinga eliphantsi. Imivundla yomama ivelisa amantshontsho amahlanu (5) ukuyoma kwisibhozo (8) se litter nomlinganiselo we litter ezine ngonyaka.
Imivundla emincinci ingatyiswa imigrayo okanye ukutya kwemivundla okwaziwa ngokuba yi rabbit pellets, oku ngamandla zitya iziqwempu zemifuno ne ngca ekukudla kwemivundla yodidi oluphezulu. Ziye zikulungele ukuxhelwa ukususela kwiveki elishumi eline sithandathu (16) yobudala kwaye ivelisa udidi oluphezulu lwesikhumba.

Imivundla Eyaziwa Ngokuba zi-Chinchilla Giganta

©Judy Stuart
i-Chinchilla Giganta sisilwanyana esithatha ixesha ukukhula, kwaye esifanelwe sisidlo esine zinga eliphezulu kwi roughage kwaye zaziwa ngoku velisa ilitters ezinkulu kakhulu. Zimdaka ngombala kwaye zivelisa isikhumba sodidi oluphezulu xazithe zaxhelwa, xa isikhumba sobuntwana sesitshintshile sagqunywa sisikhumba sobudala.

i-Califonians

Olu ke udidi, lelinye lwamadidi aphezulu athengiswayo, zifuywa kakhulu e-USA ngenjongo yokuvelisa nokuthengisa inyama. Izidingo zayo ke ziyafana neze New Zealand White, kwaye zivelisa isikhumba esimhlophe.

i-Cinnamons

©Judy Stuart
Oludidi likulungele ukutya okuzinga liphezulu le roughage kwaye kulula ukuzijonga. Isikhumba sazo sikhangeleka ngathi sinemitshitsho, kwaye umbala obomvu ongathi ngamalahle apha phakathi kwe mbambo ne thanga.

Translated by Zikhona Plaatjie