Umthombo weNgcinga ka Mandela

© Eric Miller

Le projekthi yeyo Kuqala Ehlabathini

uKofi Annan wachaza iqela elidityaniswe ngu Nelson Mandela e Johannesburg ngonyaka ka 2007, ukuze kuqulunqwe iqela lamadoda amadala esizwe azaku bangumthombo wee ngcinga. Nabazakuzama ukufumana izisombululo zezinye zezona ngxaki zijamelene nehlabathi. Phakathi kwala madoda kwakukho abantu abangosaziwayo abafana nowayesakuba ngu mongameli wase Melika uJimmy Carter, nowayesakuba ngu mongameli wase Ireland u Mary Robinson, owezoqoqosho u Muhammad Yunus, owayesakuba ngu mphathiswa wezangaphandle wase China u Li Zhaoxing, kunye no Annan uqobo kunye nenkosikazi ka Nelson Mandela uGraca Machel , inkokheli kwezemfundo kunye nokuphatheka kakuhle kwa bantwana. uAnnan wayibeka ngoluhlobo, ‘Ngenge “nkonde”, sinendlela ethile esibona ngayo izinto nesinokuyabela ihlabathi, kwaye, siyakholelwa ukuba sinoxandua lokuyabela ihlabathi. Le projeckthi yeyokuqala ehlabathini, umsebenzi onikisa umdla ekuqokeleleni ulwazi , amava, nolwazi kweze politiki olusuka kumadoda nama bhinqa ehlabathi lonke, uuze kusonjululwe ezona ngxaki zinzima zehlabathi. Le nkqubo ya lontshwa ngokuse sikweni ngu Nelson Mandela kunye no Archbishop Desmond Tutu kunye no Graca Machel.

Kwaqubiswana na Malungelo Oluntu

uNelson Mandela, indoda eyayisoloko inentloko eqinileyo, eyenza izinto ngesizathu kunye neliso lokuphatha imali kwi projekthi zakhe, wa bhengeza ukuba ukuba inkxaso yale nkqubo ingaqhelekanga ye Nkode zeHlabathi izakuvela phi. Wathi iinkonde zizaku xhaswa ngezimali liqela labaxhasi ngezezimali kuquka u Richard Branson kunye no Peter Gabriel. Kwaye wathetha nangabanye abaseki uRay Chambers kunye no Michael Chambers; Bridgeway Foundation; Pam Omidyar we Humanity United; Amy Robbins; Shashi Ruia we yesigidi I Indian Essar Group; Dick Tarlow; kwakunye ne The United Nations Foundation. Eli qela lizakidibana kabini ngonyaka, Owayesakuba ngo Mongameli wase Irelad, uMary Robinson waphawula ukuba umsebenzi sele uqalile kunye nenye yee ngxaki zokuqala abazakuqubisana nazo ibe ngamalungelo oluntu. Ezi Nkonde zaphawula ukuba iUniversal Declaration of Human Rights ngomnyaka ka 2008 izakugquba iminyaka engama 60 yasekwa. Kwaye bazakuyenza le Declaration ‘Umqulu ophilayo’. Nantsi inkqubo ebalulekileyo, ejonge phambili kwaye nenembono eziluqilima. Kusalindeke ukuba ibonwe ukuba izakuzifeza na imibono yazo nesekwe leliqela. Kodwa akukho mathandabuzo wokuba izakuba negalelo elikhulu ehlabathini kwaye ibe sisisekp esiyakuba nguna phakade nesimele u Nelson Mandela.Translated by Zizipho Silwana

Kofi Annan on Nelson Mandela

uKofi Annan wasebenzisa ithuba lakhe kulo msitho, we Nelson Mandela Lecture yesihlanu ngomhla wama 22 Julayi 2007....more

Mandela on His Global Leader Project

Ukusukela ngoko ndibukele lombono ukhula, usakheka kwaye usiya ubanamandla kwaye uzalisekiseka.’ Kwatsho uMandela....more