Usuku Loxolelwaniso

Ngomhla we 16 Desemba 1995, okukuqala ngqa uMzantsi Afrika wabhiyozea Usuku loXolelwaniso, nalapho Amabhulu kunye nezithethe Zomzabalazo zavunyelwa ukuba zibeyinxalenye yoluntu lwe demokrasi kunye nokulingana. Lo mhla we 16 Disemba ubalulekile ngenxa yeziganeko ezibini ezathi zenzeka kwimbali engaginyisi mathe yoMzantsi Afrika. 

©Eric Miller

Ngomnyaka ka 1838, iiVoortrekkers zazisenza amalungiselelo azo okuya kulwa namaZulu kwi mfaze ebizwa nge Battle of Blood River. Ngomhla we16 Desemba benza isifungo phambi kuka Thixo, sokuba ukuba bathe bawoyisa amaZulu bazakwakha icawe, kwaye nezizukulwana zabo ezilandelayo zizakuhlonela olusuku njengosuku lokwenza umbulelo.

Ngexesha leminyaka ye aparheid/ yocalulo,umhla we 16 Desemba wawulusuku lwe holide,eyayibizwa nge Day of the Vow,nethetha usuku lwesifungo. Lomhla we 16 Disemba,yayikwa lusuku apho kwasekwa ngawo uMkhonto we Sizwe (MK), ngomnyaka ka 1961.

Ukuza kuthi ga ngolu suku, umbutho we African National Congress (ANC), wawusebenzisa iindlela ezingenabundlobongela zokulwisana nemithetho yocalucalulo. Kodwa, emva kwe Sharpeville Massacre ngomhla wama 21 Matshi 1960, nalapho abaqhankqalazi ngokuzolileyo badutyulwa ngokungenalusini, lombutho waqonda ukuba uqhankqalazo oluzolileyo nje lodwa aluzukunceda ekutshintsheni imithetho yezocalucalulo lwe apartheid.

Umkhonto we Sizwe wasekwa njenge mkhosi ozakubaliphiko/ ncedisana ne ANC. Owona msebenzi we MK yayikukwenza izenzo ezizakuphazamisa, nezizakujongana nomzabalazo wokulwa ucalu calulo. Kodwa iingxaki phakathi kulo mbutho kunye nokubanjwa kweenkokheli zazo ngomnyaka ka 1963 kwayityhafisa iMK. Noxa kunjalo, ukusukela ngomhla eyaqulunqwa ngawo, umhla we 16 Disemba yaba lusuku lesi khumbuzo se MK.

©Eric Miller
Umhla we 16 Disemba uselusuku lwe holide kwilizwe lonke loMzantsi Afrika, kodwa ngoku sele umele usuku loxolelwaniso kunye nomanyano lwesizwe, nalapho izifundo kunye nezikhalazo zamandulo zingazisa ithemba elitsha elizweni nakubantu balo. Bonke abemi boMzantsi Afrika bayacelwa, ingakumbi ngalomhla, ukuba bavuselele ukuzinikezela kwabo kwimibono yesidima soluntu kunye nokulingana komntu wonke.Translated by Zizipho Silwana