uNelson Mandela uMongameli wethu Esimthandayo ngoku Baliswa ngu Raymond Louw

© Eric Miller

uMadiba Kwisikipa sama Bhokobhoko

Kuyaqapheleka indlela ajike ngayo kwingqondo zabantu ukususela ukubalutshaba lokuqala ukuba ngobalaseleyo ade abizwe ngoku ba “NguMongameli Wethu” ngabantu abaninzi eMzantsi Afrika nkqu nabo bamhlophe. Yayingekuba enxibe ijersey yamabhokobhoko kumdlalo wokugqibela, eyanikeza uMzantsi Afrika indebe yesizwe beqala ukuvela kwelokhuphiswano, nangona esisenzo senza umahluko omkhulu.

Indoda eyayizibiza njenge gorha le AWB (Afrikaner Weerstandsbeweging okanye iAfrikaner Resistance Movement) yatsalela umxemba isikhululo sonomathotholo iRadio 702, kumvulo olandelayo wathi inxaso ka Mongameli kuma Bhokobhoko uyewayithanda yamenza impela veki le yonke azibuze ngenkolelo yakhe wathatha isigqibo ngalantsasa ukubeka phantsi intambo.

Yayingokuvela kuka mongameli eEllis Park enxibe luhlaza namthubi enenombolo yesithandathu (6) ngemva (inani lomkhokheli weliqela ebaleni uFrancois Pienaar), yayi yindlela awaye xhasa ngayo eliqela lesizwe ebaleni.

Wayetsalela eliqela umxeba kumatyeli amaninzi ebanqwenelela impumelelo. Waphuma elubala ecela okokuba umboniso wama bhokobhoko ungatshintshwa, nangona abamnyama abaninzi babeyibona njengo phawo olucatshukelwayo, lwengcinezelo kwaye babefuna itshintshwe ngetyatyambo ekhazimlayo iProtea.

Ubukho be “Madiba Magic”

Imibuliso emininzi negosa le Freedom Front uConstand Viljoen nomba we Volkstaad lenze umahluko ngendlela abonwa ngayo ngabamhlophe nemihlangano yakhe namabhulu amaninzi akumaqembu alwela amalungelo abasebenzi akwezolima zelizwe okokuba athethe ingxaki zawo.

Nangona konke kwakubalulekile konke kwakunga chazi nto ngendlela ambona ngayo amabhulu. Yayi yindlela ancuma ngayo, ububele, nokunyaniseka, kodwa nomlingo wakhe nje owodwa.

Translated by Zikhona Plaatjie

Benjamin Pogrund's Favourite Mandela Story

Kumabali amaninzi amnandi abaliswayo ngo Mandela, elona ke endilithanda kakhulu libali endalibaliselwa ngu Jules Browde, igqwetha elimhlophe...more