Umtshato kuLuntu LwaBasotho

Martial Indlela Yokutshata

©Dr Peter Magubane

Yayi yinto eqhelekileyo ukuba abantwana beenkosi kunye nabee nkokheli zaBasotho bakhethelwe ngabazali babo abalingane abaza kutshata nabo. Ubuhlobo ngoo khokho okanye ngezikhundla babu balulekile ukuze kuqiniswe imo yentlalo nemithetho esekiweyo. Utata womfana wayethetha nabazali bentombi. Ukuba baya mamkela, wayecela ingqayi yamanzi.

Ukuba abazali bentombi bayasivuma isicelo, umfana, kunye nabahlobo abambalwa, babetyelela intombi ngoku sesikweni. Ukuba nayo iyavumelana nesi siceo, lo ntombi iza kunika umfana isikhafu (moqhaka). Le ntombi yayithi inike umfana ukutya, nawaye akulandule, hleze kuthi kanti ‘uzele ukutya hayi uthando’.

Nangona kwakunokuthi kanti esi sibini asizange sadibana ngaphambili, sasivamise ukuvumelana nesigqibo sabazali, kodwa kumaxesha amandulo kwakunyanzeleka umfana nentombi batshate bethanda bengathandi. Kulemihla, lo mthetho awusekho ngqingqa kangako-umfana okanye intombi iyazikhethela ukuba itshata bani.

Kwaye amabhinqa amaninzi angatshatanga angabazali. Mandulo, umtshato wawugunyaziswa ngokusesikweni ngokukhutshwa kwe lobola (bohali) ngabakulo mfana beyisa kulo ntombi. Intlawulo yeenkomo kunye nemfuyo yayibonakalisa ukuba abantwana baya kusebenzisa isiduko sakulo tata, kwaye ngabo sapho lika tata hayi elika mama.

Inani le bohali laliba ziinkomo ezingama 20, ihashe eliny, iigusha ezili 10 okanye iibhokwe. Eli yayilinani elisekiweyo neli sisigxina kwiintsapho zonke, kodwa lalingafane likhutshwe ngaxesha nye. Le ntlawulo izi zavenge yayinceda ekuqiniseni ubuhlobo nomanyano phakathi kwezi ntsapho.

Mandulo, umsitho womtshato wawusenziwa kwithutyana elingephi emva kokuvunyelwana ngabazali bentombi nonyana. De kube lelo lixa, esi sibini siza kutshata sasingavumelekanga ukuba sabelane ngesondo okanye sihlale kunye. Namhlanje imitshato esi sibini siza kutshata sasingavumelekanga ukuba sabelane ngesondo okanye sihlale kunye.

Namhlanje imitshato yenziwa emva kokuba isibini sibalekile sawashiya amakhaya okanye xa umfana kunye nabahlobo bakhe bethwala (shobela) intombi ethandiweyo ngumfana lowo bayise kulo mfana, nalapho afika amkelwe ngokungathi sele kwenziwe umtshato. Kungaxhelwa ukubhiyozela oku, logama ikisti yomtshakazi ilandeliswa emva kwakhe.

Intlawulo yokuqala ye bohali, neba ziinkomo ezintandathu okanye imali elingana nexabiso lezinkomo, ibonakalisa ukuba umkhwenyana sele elitsibile iziko kunye nenkosikazi yakhe, kodwa ayimniki gunya lokubanga abantwana abazokuthi babazale njengamalungu osapho lwakhe (umkhwenyana lo).

Ukuze abe nebango kwinzala yabo; kufuneka umkhwenyana athumele ubuncinane beenkomo ezili 10 (okanye iimali elingana nexabiso lazo) kusapho lwentombi zize zamkelwe ngoku sesikweni.

Amaxanduva Omtshakazi

Nanamhlanje isibini esisandula kutshala asilindelekanga ukuba sibe sele sibanomzi ongowaso. Umtshakazi uhlala nabazali bomyeni. Uyapheka, ancedise ngemisetyenzana yaphakathi nekhaya, asebenze amasimini. Ngalo lonke ixesha athobele (hlonipho) imithetho ka tata zala wakhe, nequka ukungambizi ngegama okanye athethe kwagama elifana nalo.

Mandulo, indoda yayinoku bhalisela umhlaba kunye nesiza sokwakha kanye xa isandula kutshata. Emva koku bathi chuu bazimele baqale olwabo usapho. Ukunqongophala komhlaba kule mihla kuthetha ukuba usenokulinda ithuba elingaphaya konyaka phambi kokuba baye kuzimela nomkakhe. Kodwa ke, abatshakazi abaninzi abavumelani noku, baye banyanzelise ukuba nemizi yabo kanye emva kokutshata.

Translated by Zizipho Silwana