Umsebenzi ka UPeter Magubane

© David Meyer-Gollan

Umfoti ose sikweni ka Nelson Mandela

Wabethwa, de waphuka impumlo ebethwa nga mapolisa exesha logcinezelo. Wadutyulwa, ebethwa nge mipu, ebanjwa rhoqo, wavalelwa iintsuku ezingamakhulu amahlanu anamashumi asibozo nentsuku ezintandathu (586) – eli lelona xesha lide apho umntu wavalelwa yedwa kwi mbali. Wanqandwa okokuba angawenzi umsebenzi wakhe iminyaka emihlanu.

UPeter Magubane, umfoti owaziwayo kwaye obhiyozelwayo kweli loMzantsi, wagqitha kubo bonke ubunzima. Ushicilele wathatha imifanekiso yemini ezibalulekileyo kwimbali kweli loMzantsi, usukela kuqhanqalazo lwama nina ePitoli, iRivonia Trial, iSharpille Massacre, novukelwano lomhla ka June 16, ngonyaka ka 1976, waphinda ekugqibeleni, washicilela ukhululo luka Nelson Mandela entolongweni.

Waze wafumana iwonga lokutyunjwa nge ngomfoti osesikweni ka Mongameli uNelson Mandela, waze ke washicilela nobomi bakhe emveni kokuba ephumile eluvalelweni. UMagubane waqinisekisa okokuba uyazibophelela kubomi boku sebenzisa ikhamera ukushicilela imbali aveze intswela bulungisa. “ikhamera yayi ngu Mpu wam.

Ndakwazi ukubulala ubandlulo ngo mpu wam.’ “utsho uMagubane. “Ndandi funa ukukhulula eli lizwe ngaphandle kokusebenzisa umpu wonkwe nyani.

Iminyaka ngeminyaka engapha kwe shumi yeziganeko zembali

Umsebenzi ka Magubane waqala ne Drum, apho uJurgen Schadeberg, ngoko owaye ngumphathi kwicala labafoti, wamthatha wamfaka phantsi kwe khwapha. Owona msebenzi wakhe wokuqala umkhulu yayi kukushicilela ingqungquthela ye ANC ngonyaka ka 1955.

Ukusukela ngoko, washicilela iminyaka yeziganeko zembali, ngamanye amaxesha esebenza emfihlakalweni ukuze angabonwa kwaye akwazi ukuthatha imifanekiso kwezo ziganeko. Wazimela ke ngamanye amaxesha ngokuzifihla kwi khamera yakhe ngoku ngathi uzimele kwibhayi bhile emileyo okanye okukwe sonka esipheleleyo, ezicuta. “Xa ndifuna ukuthatha umfanekiso , abe umntu engafuni, bendifumana indlela yokuba ndithethe naye de avume.

Emva kweminyaka engamakhulu amahlanu, namashumi asibhozo anentsuku esintandathu (586) kuvalelo olu lodwa, yintoni engenye ebendinoyoyika ntoni na”? ngonyaka ka 1967, wazibandakanya ne Rand Daily Mail, ingxaki zakhe nezomthetho zaqala: Waye wabanjwa engaphandle kwa Winnie Mandela apho wayexakekile ebonakalisa ngomebenzi wakhe, wabanjwa wabekwa elugcinweni olu lodwa, kodwa izityholo zarhoxiswa.

Emveni koko wabhenwa ekusebenzeli njengo mfoti nokungena kwimizi yamaphepha ndaba. Oku ke kwalandelwa zintsuku ezilithona elinesibhozo sokuvalelwa, inyaka esisothandathu entolongweni, waphinda kwakhona wavalelwa.

Emveni kokuchitha intsuku ezingamakhulu amahlanu nama shumi amathandathu anesibhozo (568) eluvalelweni e Modderbee nase Pretoria, wakhululwa – nje ngethuba loqhanqalazo lwe June 16.

Iwonga eMzantsi Afrika nakuma zwe jikelele

Uthe wafumana imisebenzi yaphesheya kwi Times Magazine nakwi Sports Illustrated. UMagubane uzukiswe apha eMzantsi Afrika nakumazwe jikelele. Waye wawongwa ngezidanga zozuko ezilithoba (8). Ushicilele iincwadi ezingamashumi amabini anesithathu kwaye wabonakalisa umsebenzi wakhe kuma khasi amaninzi.

Snapshot of Dr Peter Magubane's Career

Ngonyaka ka 1990 uDr. Peter Magubane utyunjwe nje ngomfoti ka Nelson Mandela ngokusesikweni ukuchaza nokubonisa uhambo lweminyaka emine ukuy...more