Ulwaluko lwama Venda

Uphuhliso Lomntu Ngamnye

©Dr Peter Magubane

Uphuhliso loluntu lwalubonakala njenge zigaba namanqanaba, ukhula kunye nomtshato zibonakalisa amanqanaba obomi abalulekileyo. Utshintsho lokusuka kwenye ukuya kwenye lwalusenziwa ngezinye izinto (izinyanya, imimoya emihle nemdaka, abathakathi abangamadoda nabafazi), ezazibonakalisa okanye zenze okuhle okanye okubi eluntwini.

Izikolo zolwaluko zayalela abakhwetha okokuba bangalindela ntoni nokuba bangaziphatha njani kwinqanaba elilandelayo. Ngemisebenzi yesintu nomdaniso, babesohlukana neempazamo zangaphambili bajogane nekamva. Imjsebenzi yayibiza inxaso yezinyanya kwaye isomeleza abakhwetha ngemilingo.

Yayibanjwa, kufuphi kwilali ze mahosi ne magota ngethuba kwakukho abakhwetha aboneleyo, kodwa yayingenzeki rhoqo ngonyaka. Intombi yom Venda yayisenzelwa imisebenzi emikhulu emithathu yolwaluko: ivhusha ebuntombazaneni; tshikanda, ukubethelela ivusha; kunye ne dombani, eyenziwa phambi komtshato.

Mandulo, amakhwenkwe enze ithondo ayevumelekile ukungena kwizigaba ezithile ze dombani, kodwa namhlanje bambalwa abasayenzayo lonto, kunye nezikolo zamakhwenkwe, vhutuka ne thondo, zindala. Uninzi lungenela imurundu, eyaziswe ekuhambeni kwexesha.

Yenzeka ngaphandle kwelali, entabeni okanye kwinduli, ngenyanga zasebusika ezomileyo, nokunceda ukupholisa isilonda solwaluko. Kule mihla, inani elonyukayo, ingakumbi kwidolophu, lokwaluswa ngoogqirha besilungu, kunabo bavunyiweyo ngokwesintu. Abanye kwabagqirha bathi benze imisebenzi yesintu ngokwabo kwaye baxhela isilwanyana xa uninzi lwabo sele lolukile, ukunikeza ulwaluko indawo ‘yesintu’ ngokuse sikweni.

Amanqanaba Olwaluko

©Dr Peter Magubane

I-Vhusha (ulwaluko ebuntwaneni) lwalusenzeka iinyanga ezininzi, kodwa kulemihla yenzeka kwintsuku ezisibhozo. Amantombazana afundiswa okokuba ubuntu bobona benza umfazi kuma Venda. Logama bebekelwe bucala esikhwetheni, bathabatha indawo yokuzenza izicaka, begcina iintloko zijonge ezantsi, amagxa etshonile ingalo zisongiwe, okanye izandla zibekwe phantsi kwesilevu.

Benza imisebenzi ethile, bephatha imithwalo esindayo emqolo okanye entloko, bejija izisu, okanye bebambe amalahle ngezandla. Banikezwa imfundiso eninzi ngocantsi, indlela yokuziphatha ngoko cantsi, isithembiso somtshato kunye nomtshato, ukuthintela ukumitha xa ungekatshati.

Umahluko wawusenziwa ngokwesintu phakathi kwe vusha yentombi zase bukhosini (vhusha ha vhakololo) kunye nabo bangengabo abase bukhosini (Vhusha ha vhasiwana). Umculo, umdaniso nokufunda imilayo zazibalulekile kwisikolo sabo ingengabo abase bukhosini. Isikholo sabo basebukhosini sasine mfihlelo, kwaye kuncinci okwaziwayo ngaso.

Phantse konke okwenziwayo kwenziwa kwindawo yabucala efihlakeleyo kwilali yakwa nkosi, kwaye kwakungekho mculo wokuthetha esidlangalaleni okokuba kukho isikolo esiqhubekayo. Akekho ongenguye owasendlini yase bukhosini owayevumelekile ukungenela ivhusha yabo basebukhosini, kodwa abo basebukhosii ababengenele ivusha kutsha nje babevumelekile ukundwendwela ivusha yabo bangama vezandlebe nanini na befuna.

I-Tshikanda (ukunyanzela ivhusha) ibisenzeka phambi kwe dombani, rhoqo kwiminyaka emithathu okanye emine. Idombani, ithetha ukudibana komsebenzi wolwaluko, yayi yeyona yokugqibela evumela intombi okokuba itshate. Ukuvuthelwa kwexilongo le kudu (Phala phala) kwakubonakalisa isiqalo. Umlilo okhethekileyo, owawulayitwa kwilali yenkosi, wawuhlala ulayitiwe ngalo lonke eloxesha. Abakhwetha babenyangwa ngamayeza, kwaye nantoni na eyayisetyenziswa yayi fafazwa ngamayeza ukuthintela

ukungcola kungangeneleli. Bonke abakhwetha babe chetywa, bafundiswe ukudanisa neengoma eziyimfihlelo, baboniswe izinto ezithile eziyimfihlelo, babukele bathabathe inxaxheba kwimfundiso ezilinganiswayo bafumane nemfundiso yocantsi. Injongo kukwazisa ulutsha ngazo zonke iinkalo zomtshato, kunye namasiko amaVenda.

Idombani ibonakala njengomsebeni welizwe lonke kuma Venda, kuvumeleke okokuba yenzeke kuphela phantsi kwe nkosi enemvelaphi yama Singo. Eyonanto ihamba phambili nge dombani ngumdaniso we domba owenziwa ziintombi zingqunge umlilo. Abolukileyo benza umgca, ngamnye babambe ingqiniba yentombazana ephambili kwakhe, benze ityethanga elide elihamba ngoko mgqingqo wengoma kwisandi se ngoma namagubu imirumba.

Ngesintu ezintombi bezi danisa zihamba ze emzimbeni, kodwa kule mihla zinxiba ishedu ehanjiswa phakathi kwemilenze, yenze ifaskoti ngaphambili umva uhle usiya ezantsi. Banxiba zihombiso zesihlahla ezenziwe ngenkcenkce nase maqatheni ze zimane zimenyezela xa bedanisa. Lomdaniso ubonakalisa inyoka eyaziwa ngokuba yi namba (python), yona ke edityaniswa nokuchuma kwenzala nokuhamba komntwana esibelekweni. Ikwa bonakalisa nenyoka ehlala eFundudzi, umlambo obalulekileyo wama Venda eSoutpansberg valley.

Udonga lwe khoro kumzimba wesithixo senyoka inamba, kunye nenkundla elichibi iFundudzi, indalo yokuqala, isibeleko sendalo; abakhwetha ze kuthathwa ngokokuba bakwisibeleko sale nyoka, balungele ukuzalwa ngokutsha njengabo batshatekayo kwaye namalungu asekuhlaleni anentlonipho.

Iimbono Ezohlukileyo Malunga Nolwaluko

©Dr Peter Magubane

Iicawe zama Krestu zineembono ezahlukileyo malunga nolwaluko, amalungu athile angina isikolo solwaluko. Iicawe ‘ezizimeleyo’ ziye zikhuthaze amalungu okokuba angene, amanye anikeza ezinye iindlela, zixuba iinkolelo zesintu nezobu krestu. Olunye utshintsho lwenziwe zimfundiso zalemihla, izibhedlele kunye nokusebenza kude namakhaya, kodwa iintombi ezininzi zisoluswa.

Mandulo, indoda yom Venda yayingavumelekanga ukutshata intombi engenzelwanga idombani. Xa etshate umfazi welinye iqela, elifana nama Tsonga okanye Basotho, kwakunyanzeleka enzelwe idombani. Namhlanje isizathu abakhwetha abaninzi esibenza bathabathe inxaxheba ‘kukufunda imithetho’ okanye ‘ukufumana ubulumko’ (u gudu milayo).

Nokukwazi okokuba imilayo inikeza umntu ongumama ulwazi olukhethekileyo olumenza angenelele imihlangano yoomama nemisebenzi yomama.

Translated by Zikhona Plaatjie