Ulawulo lwe Sivuno se Parsley

© Louise Brodie

Ujikeleziso lwe Sivuno

Jikelezisa nokuba sesiphi isivuno sosapho olohlukileyo, kwaye uzame ukujikelezisa iminyaka emibini ukuya kwemithathu kwintsimi enye.

Umyinge Wesivuno - ngokwe toni nge hektare

Okuncinane: iitoni ezine (4) ezisandula ukukhiwa, zingu 0,5 ezomileyo
Okuqhelekileyo: iitoni ezilishumi (10) ezisandula kukhiwa, zimbini (2) ezomileyo
Okulungileyo: Ishumi elinantlanu nangaphezulu lezisandula kukhiwa, ezintlanu (5) nangaphezulu ezomileyo

Ukuvuna

Kuxhomekeka kubukhulu besilimo, ukuvuna iparsley kuyenziwa ngesandla okanye ngomatshini. Kungavunwa kathathu ukuya kwisihlanu kwisityalo esinye.
Logama kuvunwa iparsley esekumgangatho ophezulu, kubalulekile ukuvuna kwa kusasa kusapholile ukuze zingabuni nokuba amagqabi asiwe kwindawo azakulungiswa kuyo epholileyo ngoku khawuleza emveni kokuvuna.
Ukuvuna ipasley ukuze yomiswe kwintsasa ezishushu, nokuqinisekisa okokuba amagqabi omile. Nqumla isikhondo nge 10 ukuya ku 15 cm ngaphezulu komhlaba, kubekho ubuhlaza obuseleyo kwisityalo ukuze sikhawuleze siphinde sikhule.

Ukuyigcina

Ukugcinwa kwe parsley esentsha kufuneka kube phakathi ko 1℃ ukuya ku 2℃ kunye nokufuma okuncinci okungapha kwama 90% ukuze igcinwe iiveki ezisibhozo.
I-parsley eyomileyo kufuneka igcinwe kwizivalo ezivalekayo kwaye igcinwe kwindawo epholileyo, eyomileyo.

Iinkumbi

Iinkumbi eziqhelekileyo ze parsley zi aphids, army worms, nematodes, slugs, snails, snout beetles, thrips, kunye nee weevils.

Izifo

Downey mildew, leaf spot, powdery mildew
Kungcono ukufumana ingcebiso yalowo unguchwephesha ngemeko zengingqi kunye nendlela zokhuseleko lwesivuno se parsley kulowo usebenza ngezivuno ukufuphi.

Translated by Zikhona Plaatjie