Ukutyala iParsley

© Louise Brodie

Usasazo

Usasazo lwe parsley lwenzeka kwimbewu kuphela.

Indlela yoku Tyala

Ukutyala izithole ze parsley kunye nokufaka izithole ngqo kwenziwa ngesandla nango matshini. Tyala ngqo iimbewu ezingama 50 ngokwe meter yomqolo ukuze ufumane isitendi esigcweleyo se parsley. Nciphisa exesheni ibekumlinganiselo owufunayo xa kukho isidingo.

Ukuqelelana

Izityalo maziqelelaniswe ngo 10 cm ukohlukana kwimiqolo engama 20 cm ukuya ku 30 cm ukuqelelana. Lomlinganiselo uqikelelwa kuma 300 000 ukuya kuma 450 000 wezityalo ze parsley ngokwe hektare. Kufuneka kushiywe imiqolo ukuze itele-tele ikwazi ukuhamba, kwaye ukuze kukwazi ukufafazwa amanzi noomatshini bokuvuna bakwazi ukuhamba-hamba.

Ixesha loku Hlwayela

Hlwayela imbewu ye parsley ekuqaleni kwentwasa hlobo ukuze uphose umbethe wangentseni. Nangona iparsley inyamezela kumbethe, kungcono ukungayihoyi xa isaqala ukukhula. E-Mzantsi Afrika konke oku kwenzeka phakathi kwinyanga ka August. Kwindawo ezinobusika obungabandi kakhulu, ihlobo elizakade okanye ukwindla okuza ngethuba, izityalo zingenziwa ukuvuna ekuqaleni kwentwasa hlobo okanye nase kuqaleni kwenyanga zobusika.

Ixesha loku Tyala

Yenza izithole ze parsley kwindlu eluhlaza ngenyanga ka June no July. Oku kuzakuthatha iiveki ezimbalwa kwixesha lemveliso. Tyala izithole ngaphandle xa zingama 15℃ ubude. Konke kungenziwa phakathi kwinyanga ka August.

Ixesha loku Khula

Ukusuka ngexesha imbewu ityalwa ukuya ngexesha kuvunwa okokuqala, kungenzeka kwiveki ezilishumi nambini. Emveni koko iparsley ingavunwa amatyeli amathathu ukuya kwisine nangaphezulu. Nqumla iparsley nge15 cm ngaphezu komhlaba uvumele isikhondo sanele kunye negqabi elinye okanye amabini ukuze aphinde akhule. Ixesha lokuvuna kwakhona kufuneka ibeziveki ezintlanu, kwaye rhoqo emveni kweveki ezintlanu ihlobo de liphele.

Ukuchumisa

Chumisa ngokoku hlolwa komhlaba okwenziwe phambi kokutyala. Sebenzisa ama 200 kg we 3:1:5 phambi kokutyala ngaphezulu kwe 10 cm yomhlaba. Lomlinganiselo ufanayo we 3:1:5 kwakhona, unxityiswe ecaleni kwemiqolo yesityalo xa izityalo ze parsley zingama 20 cm ubude, kufanele zibeninzi de kufikele kwixesha lesivuno sokuqala. Faka umlinganiselo ofanayo we 3:1:5, rhoqo emveni kokuvuna. Ukufaka izichumisi kumagqabi (foliar feeding) kulungile ukuze amagqabi ahlaza abesempilweni.

Unkcenkceshelo

I-Parsley iinengcambu ezisezantsi yiyo lonto ingadibani nokufuma okuninzi. Kubalulekile kakhulu ukugcina umhlaba ukumazinga alungele uhlobo lomhlaba ungagcwali. Faka izixhobo zokugadana nezinga lokufuma ukuze uhlale uwujongile. Uxinzeleleko luzakuphazamisa ukukhula lwenze iparsley ingabiluhlaza kakhulu xa ivunwa.
Iparsley ingankcenkceshelwa ngesifafazi okanye umbhobho. Umbhobho ke ungcono njengoko ugcina amagqabi omile, zona izifafazi zingonakalisa izityalo ezithambileyo. Amagqabi amanzi angenza ukungunda. Kuxhomekeke kwisimo sezulu nobushushu, iparsley ifuna ama 35 ukuya ku40 mm wokunkcenceshelwa ngeveki. Kuyacetyiswa ukunonisa okukunkcenkceshela ukuba kwenziwe kabini kathathu evekini. Kwimihlaba enesanti unkcenkceshelo kungafuneka, rhoqo emveni kokutsibisa usuku. Kuyacetyiswa okogqunywa kuba kunciphisa umophu. Konke oku kulawula nokuphuma kokhula. Iplastiki okanye ukudibanisa okungaxutywanga kungasetyenziswa.

Translated by Zikhona Plaatjie