SQLSTATE[HY000]: General error: 144 Table './aatc/tiger_page_view' is marked as crashed and last (automatic?) repair failedUkuchongwa Kwezinja zase Khayeni Ngokwembonakalo

Ukuchongwa Kwezinja zase Khayeni Ngokwembonakalo

©Eric Miller
Izinja zasekhayeni (Canis familiaris) zingenza umonakalo omkhulu kwimfuyo esefama. Abanye abantu bacinga okokuba zizinja ezizulayo ezilambileyo ezenza umonakalo, kodwa eneneni zizilwanyana zase makhaya ezityiswa ngokoneleyo, ezincinci nezinkulu, ezithi zihambe zibulala. Ezizinja ingazizinja ezingenawo umnombo ukuya kwi Jack Russel okanye iBoerboel kwaye umonakalo ubamninzi xa zisonakalisa ziligquba.
Izinja zingahamba iikhilomitha ukuya kubamba ezinye izilwanyana kwaye zizitshabalalise. Abantu abaninzi abaye bazazi izinto ezingalunganga ezenziwa zizinja zabo ngaphandle. Nakwele Ntshona Kolonii kubekho upapasho lwezinja ezenza amaqembu ziyoku tshabalalisa kwintaba yetafile logama abanikazi bazo besemsebenzini. Ibayingxaki enkulu xa iifama zikufuphi neendawo zokuhlala.

uKubulala Nendlela Yokutyisa

Izinja zinobungozi kakhulu xa zileqa isilwanyana esilixhoba. Zililuma zilidlakaze ixhoba nje esithubeni azinandlela ithile. Kubakho umkhondo omninzi kuba izinja ziyathanda ukuleqa zilume amaxhoba azo ziwaluma logama zibaleka ecaleni kwawo. Amatakane egusha alunywa esifubeni, ngemva okanye entloko logama igusha ezinkulu namatakane amakhulu elunywa naphina emzimbeni. Amanxeba okulunywa angabonakala kwiziqa, entloko, ezindlebeni, entanyeni, okanye kubonakale uboya baleyo ibiluma.
Xa zibulala ke azibinalo usizi kwaye kubamdaka-ukubulala kwazo akucoceki kuqoqosheke ngengezilwanyana eziqhelileyo ukutya ezinye-logama umzimba ofileyo wesilwanyana usisiwa ngapha nangapha. Umonakalo ubamkhulu kakhulu, nezilwanyana ezininzi ziyonzakala okanye zife.
Inyawo phantsi zibonakala zifana neze hlosi, kodwa umphambili wenyawo awunayo landawo ingunobumba u’W’ eqhelekileyo kusapho lweekati.
Ubungakanani benyama etyiweyo buyashiyana, ukususela ekungatyini ukuya kutya kakhulu. Xa zitya ziqala ngaphambili kususwe inyama enkulu kwisidumbu sesilwanyana. amathabo amakhulu ayatyiwa okanye ahlafunwe, ze uboya busasazeke ndawo yonke. Indawo ezinkulu nesikhumba zikrazulwe kwixhoba.

uLawulo

©Eric Miller
Ucingo lokubiya lombane yeyona ndlela yokhuselo kwizinja. Xa izilwanyana zifakwe ebuhlanti okanye kwiindlwana, kwindawo yenkukhu, kufuneka kuqinisekiswe okokuba izinja azikwazi ukungena ngokuthi zitsibe okanye zirhubuluze ecingweni.
Xa kukho iingxaki, kungcono ke ukubandaka iSociety for the Prevention of Cruelty to Animals (SPCA). Izinja zase fama kufuneka zivalelwe ebusuku, zityiswe kakuhle zingavunyelwa zizule zingajongwanga ukuze zinga jiki zibeyingxaki kwezinye izilwanyane.
Izinja ezizihambelayo zinga banjwa kwindlwana ngezibambisi, kwaye umfama unalo ilungelo lokudubula inja ayibona kwifama yakhe ukukhusela imfuyo yakhe.

Translated by Zikhona Plaatjie