Ukondliwa kweeNyosi Zobusi

© Magnus Manske
Inyosi zobusi zidinga ukutya ukuze ziphile kwaye zizale. Ziidinga nee carbohydrate, iswekile efumaneka kwincindi okanye ubusi, amino asidi 'proteni esuka kwi pollen', lipids - iifatty asidi, sterols, iivitamin, minerali 'ityuwa' kunye namanzi.

Iinyosi zobusi zidinga isidlo esizele yimithombo eyahlukeneyo ukuze zikwazi ukuvelisa ii-enzyme ezahlukeneyo. Ezi enzyme ziluncedo ukucoca imizimba yeenyosi kwizonakalisi kunye nezifo kwaye zakhe nemizimba eyomeleleyo enamajoni omzimba anakho ukumelana nezifo. Amaxesha amaninzi amajoni omzimba a-ethe ethe, akhokelela ekungondlekeni ngendlela kweenyosi kunye nasekubeni iinyosi zihlaselwe yindlala. Oku ke kungowona nobangela mkhulu wokufa kweenyosi.

Iinyosi ezomeleleyo nezondlekileyo zinamathuba amaniniz okuba zimelane neembalela kunye nobusika kwaye zizale neenyosi ezininzi kunezo zingakhange zifumane ukutya okongezelelweyo.

Ungazondla Nini Iinyosi?

Ukondla iinyosi kuyimfuneko xa ikoloni yeenyosi inamaqondo aphantsi okutya kunye naxa kukho izityalo zendalo ezimbalwa kufuphi nendawo ogcina kuyo iinyosi zakho. eMzantsi Afrika, malunga ne 12% kuphela yomhlaba onokusetyenziselwa ukuvelisa izityalo ezifana nemithi yeziqhamo, logama ukutya kwendalo kweenyosi okufana ne fynbos eNtshona Koloni nako kunqongophele. Ukutya kwendalo kuncitshiswa ngakumbi nazimbalela kunye nemililo yamadlelo.

Ubusi obukwi tsili/hive bukukutya kwiinyosi ngenyanga zobusika nangamaxesha okunqongophala kwezityalo ezivelisa iintyatyambo ezele yincindi. Ngexesha lembalela okanye xa incindi ingafumaneki, iinyosi zisebenzisa obu busi zibugcinileyo kuma tsili azo ukuze ziphile. Amaxesha amaninzi, ukondliwa kweenyosi ngokutya okongezelelweyo kokuncedisa kuyadingeka emva kokuphakula ubusi.

Ngoko ke, kubalulekile ukuba umgcini nyosi awuhlole rhoqo umlinganiselo wobusi obukwitsili ukuze abenokubona ukuba ukutya okongezelelweyo kuyadingeka na okanye ukuba amatsili adinga ukufuduselwa kwingingqi enezityalo ezaneleyo zendalo.

Ukutya kokuncedisana nencidi yeentyatyambo kuvamise ukunikwa iinyosi kanye phambi kokuba kubekho isiganeko soxinzelelo, esifana nokuphakulwa kobusi, ukufudusa iinkonzo ze pollen kunye naphambi kokuhlukanisa ikoloni.

Esi sondlo sokuncedisa singa phucula nempiloo ye koloni kunye neye kumkanikazi.

Ungazityisa Ntoni Iinyosi Zobusi?

©Syrio
Iinyosi zidinga iicarbohydrates 'swekile' kunye ne proteni 'pollen'.

iiCarbohydrate zisetyenziswa ukugcina amaqondo obushushu emzimbeni wenyosi kunye namaqondo obushushu bangaphakathi kwi tsili, ephantsi. Iinyosi zikwadinga ipollen njengo mthombo we proteni, iivitamin, iiminerali kunye ne carbohydrate ezithile. Ipollen isetyenziselwa ukuvelisa ijeli etyiwa yi kumkanikazi yenyosi kunye namantshontsho.

Ukondla Iinyosi – Iswekile

Ungondli iinyosi ngobusi, ngaphandle kokuba busuka kuma tsili azo. Izifo zeenyosi ezifana ne American foulbrood zingasasazeka ngobusi kwaye zingabangela ukosuleleka kwitsili lakho. Enye into, ivumba lobusi linga bizela ezinye iinyosi zangaphandle ukuba zize kuba.

Kungcono uzondle ngeswekile eqhelekileyo emhlophe okanye isiraphu eyenziwe ngamanzi aneswekile. Ungaze usebenzise iswekile ekrwada, iswekile emdaka okanye imolasses njengoko ezi zinokubangela utyatyazo kwiinyosi. Abagcini nyosi bambi bakholwa kukusebenzisa isabel se ngxenye enye yeswekile kwi ngxenye enye yamanzi, umxubi omi ngokuhlobo 1:1, logama bambi bekhetha ukusebenzisa isiraphu ejiye kakhulu yengxenye ezimbini kunye nengxenye enye yamanzi - 2:1. Amanzi afudumeleyo anceda ukunyibilikisa iswekila, kodwa umxube weswekile akufanelanga ufudunyezwe okanye ubuliswe njengoko oku kuzakwenza iswekile ijike ibeyi kharameli.

Jikelele, umlinganiselo oyi 1:1 we siraphu uzakuncedisana nokwanda kobusi uze uphuhlise neekoloni ukuba zivelise iinyosi ezintsha. Isiraphu ejiye kakhulu isetyenziswa ukunika ukutya xa imveliso yobusi kuma tsili incinci. Kuya cetyiswa ukuba uqale ngokondla iinyosi zakho ngesiraphu engumlinganiselo we litha e1. Oku kufanele ukuba kwanele iintsukwana ezimbalwa.

Beka isiraphu kwi treyi emthebeele phantsi kwesiciko setsili ubeke nengcana eyomileyo ngaphezulu, amakhunana, okanye amatye ukuze iinyosi zibe nokufikelela kule ncindi ngaphandle kokuba ziwe zihraxwe.

Ukondla Iinyosi - iPollen

©JMK
iPollen kungcono xa isuka kwizityalo ezahlukeneyo ezithwala ipollen, ibekufutshane netsili lenyosi, kodwa inganqongophala ekuqaleni kwe ntwasahlobo. Iinyosi zobusi zikholwa yi pollen ene protini 'protein' engaphaya kwama 25%. Le pollen kufuneka kuba kanti isuka kwi sunflower 14%, eucalyptus 20%, kunye ne Aloe davyana 28%. Ipollen esuka kwi canola inamaqondo alinganayo epollen.

Kumaxesha onqongophalo, ipollen inga ncediswa ngokusebenziswa ezinye izinto endaweni yazo, ungazithenga ezi kubathengisi bezixhobo zeenyosi, okanye uthenge ipollen yendalo.

Ipollen isenokuthwala ize isasaze nezifo, ngoko ke xa uyongezelela na nge pollen ye ndalo, qokelela kuphela ipollen ekwi koloni eyomeleleyo nenge nazifo.

uGq. Eric C. Mussen, we Dyunivesithi yase California Davis, kwelase Melika, ukwa cebisa ukuba zondliwe nge yisti yokudidiyela utywala. Iyisti ayixabisi kakhulu kwaye inezinongo ze pollen. Isenokutyiswa iinyosi yomile/injalo ingaxutywanga nanto. Kodwa isebenza ngcono kakhulu xa ingumxube oncangathi okwe bhotolo yamandongomane.

Abagcini zinyosi abasa khasayo, abana matsili ambalwa, angaxuba iyisti kunye nesibalo esingama 50% wencindi ye swekile. Bhijela nge phepha le wax okanye nge plastiki ukuze ihlale ifumile.

Umfama weenyosi ohlala ePaarl ogama lingu Nico Langenhoven ufumanise ukuba ukondla iinyosi ngomxube we pollen oli 5% odityaniswe ne 10% yobusi, ubekwe kufutshane kangangoko kwi frame ezihlala amantshontsho kunye neenyosi, kokona kusebenza kakuhle. Nangona kunjalo, sebenzisa ubusi betsili ungasebenzisi ubusi obusuka kumatsili enziwe zezinye iinyosi ngaphandle, njengoko oku kunokuzisa izifo kwiinyosi zakho.

Translated by Zizipho Silwana