UDr. Peter Magubane uveza elubala ukusetyenziswa kwabantwana ngoku ngekho semthethweni

© David Meyer-Gollan

‘Ngaphandle kwemfundo, akukho onokwenza’!

UDr.Peter Magubane uyafika eSoweto ehamba ngendlela ezinga semva ezijika jikayo. UPeter ukhangela kwi nduli zenkunkuma, nalapho kugcinwa khona amalahle ukhangela abantwana abangaphantsi kweminyaka evumelekileyo yokusebenza. Ubukho bakhe buyavakala apho akhoyo.

Lomdla nokuzimisela owamenza aveze inkohlakalo yeminyaka yengcinezelo iyaqhubeka ukuveza imfazwe zimhla ngemihla. uDr. Peter Magubane waqhuba imoto yakhe kwindawo yenkunkuma yase Soweto. Ngamangcwaba enziwe ngentsimbi. Amazinyo amakhulu egandaganda azula emoyeni.

UMagubane ufuna abafanyana abancinci abasebenza apha. Bashiya isikolo, ukwenza umsebenzi obhatalisa ubuncinci be R5 ngemini beqokelela bathengise intsimbi ezilahliweyo. ‘Inkoliso yabo ayisihambi kakuhle isikolo, kwaye abakuqondi ukubaluleka kwesikolo’, uyazama ke ukucacisa ubunzima balemeko. UMagubane ebeye abancede abo athatha imifanekiso yabo, angapheleli nje ekuthatheni imifanekiso.

Kwimi nyaka edlulileyo uye wanceda ukudibanisa abantwana aba baleka emakhayeni abo nabazali babo. Uyacacisa okokuba akangeneleli de beze kuye “Madala Madala”! batsho xabendibiza, “ndifuna ukubuyela ekhaya”. Ngabahlanu kuphela kubantwana abangamashumi amathathu anesihlanu abangamakhwenkwe namantombazana awathi wabanceda, sisihlanu esaphinda sabuyela ezitalatweni.

Ukuxhatshazwa nobu hlwempu

Uyafika kwindawo elandelayo ebesiya kuyo.Kusecaleni kwindlela eyenziwe nge tar, ngqo entliziyweni yendawo eyenza amalahle eJabulani. Intaba ezincinci zemveliso yomhlaba zivale lendawo irhangqileyo jikelele. Imizi eyenziweyo ethile ithe qelele kabuhlungu. Umama osemncinci uneka impahla ekhazimlayo ecingweni, loxa umntwana oyinkwenkwe edlala ngonopopi. Kugcwele izindlu zenkukhu, ezithe zaphuncuka zijikeleza kwisangqa.

Ivumba elibi ligcwele emoyeni. Liqala kwakusasa xakuphuma ilanga, ulutsha luphethe ifotsholo lugrumba amalahle anzima azahanjiswa ngedonki eSoweto. Xakubanda kuqhuma umsi obonakala phezulu. ‘Kushushu apha kwaye bane zindlu.’ uMagubane ujonga ngaphandle kwefestile.

Bayaxhatshazwa kwaye bahlwempuzeke ngeyona ndlela, eyonanto enkulu abajongene nayo aba bantwana namhlanje, ngaphandle kwamathandabuzo ucinga okokuba yi mfundo. ‘Ngaphandle kwemfundo, akukhonto unoyenza’! indoda ekhangeleka iqinile iyamfanisa lomfoti. ‘Ngomnye wabafana bam, uMaguba uyamvuyela. ‘Sekuyiminyaka esebenza apha,’ Kubuhlungu okokuba lenkwenkwe wayifota ngeminyaka yo1970’s yiyo embonisa lendawo yamalahle isebenza ulutsha lwanamhlanje.

Ulwenzile unxulumano lwakhe, ayishiye lendawo inganikisi mdla esiya kwizitalato zaseZola ezigcwele ubomi, apho abasebancinci bahombisa indawo zokuphumla , agqithe umfazi onesiqu esincinci eziqhubela iwheelchair eyiqhuba kwicala lasekhohlo endleleni.