Ubushushu ne Sivuno

Umoya wobushushu wendawo yolimo ubalulekile kulimo, ukuze kukhule isilimo kwimveliso yezivuno ezohlukileyo.
Ngoko kubambekayo, iikhemikhali kunye nendlela zofuzo kwizityalo, ezifana ne photosynthesis, sichaphazelwa kakhulu ngumoya. I-Photosynthesis yindlela apho isivuno sezolimo sithi sisebenzise ilanga ukuvelisa icarbohydrates, okomileyo okanye izivuno emanzini nakwi carbon dioxide.
Inkoliso yezityalo ikhula kwaye iphile kubushushu obuphakathi ko 0℃ ukuya ku 50℃ kodwa nakwesiphi isityalo, obona bushushu bungcono ukuze isityalo sikhule nemveliso emnxinwa.

Isimo Sezulu Esipholileyo Kunye Nezivuno Ezifuna Isimo Sezulu Esishushu

Izivuno ezithanda isimo sezulu esipholileyo ziquka ikhaphetshu, iminqathe, beetroot, lettuce, isipinatshi, peas kunye netswele. Ezizivuno zikhula ngcono kwisimo sezulu esiphakathi ko15℃ no 18℃.
Izityalo ezithanda isimo sezulu esishushu zimbotyi, amathanga, squash, cucumber, amazambane, umbona kunye ne tomato zikhula kakuhle kubushushu obuphakathi ko 18℃ no 27℃.
Amazinga obushushu ”aphezulu nase zantsi” (asezantsi kodwa anyamezelekayo, angcono, aphezulu kodwa anyamezelekayo) anomehluko phakathi kwezivuno kunye namaxesha oku khula ayohluka kwisivuno esinye.
Kwimeko yesivuno esithanda isimo sezulu esipholileyo, kubalulekile ukuqaphela zona ntsuku ezingcono zokutyala ezisakuqinisekisa okokuba isivuno sikhula phantsi kwamazinga afanelekileyo.

Ubushushu kunye ne Zifo kwi Zivuno

Umoya wobushushu, odibene nokufuma okungathangani, umphunga wamanzi okanye ikufumana emoyeni, ziye zibe zizo ezenza izifo kwizivuno kodwa zingaluncedo ngamanye amaxesha.
Umzekelo olu lungileyo yi greening disease, intsholongwane yesifo, kwi citrus. Yingxaki enkulu kwiphondo lase Mpumalanga nase Limpopo, kodwa hayi eNtshona Koloni nase Mpuma Koloni. Izinambuzane ezizisa ziphinde zihambise intsholongwane azikwazi ukumelana namazinga obushushu aphezulu kwaye kubonakala ingathi ilanga elitshisa kakhulu, imimoya eyomileyo kwelase. Ntshona Koloni nase Mpuma Koloni indawo ezikhula icitrus sisizathu sokuba ingabikho igreening disease kwezi ndawo.

Imvula nobu Shushu

Amazinga obushushu kwindawo engqongileyo kunye nexesha lonyaka elinethayo zidlala indawo kwisigqibo sokugqibela sesivuno. Umzekelo, umdiliya uyathandwa zizifo zokungunda xa zityalwe kwindawo ezifumileyo. Imidiliya kufuneka ityalwe kwindawo enemvula esezantsi okanye kwindawo ezine mvula yase busika.
Izivuno zendawo ezaziwa ngokuba zi ‘subtropical’ zifana ne avocado, guava, litchi, mango, passion fruit, pawpaw kunye ne payina, zinga khuliswa ngempumelelo nakwindawo ezingenalo ikhephu.
Iintsuku zidinga iintsuku ezingama 180 nobushushu bemihla le obungapha ko 18℃ wobushushu kwaye nemvula ibesezantsi kakhulu ukuze iziqhamo zikhule kakuhle.

Ubushushu be Sivuno kunye Nomgangatho we Sivuno

Maxa wambi umohluko omncinci kumazinga obushushu ungachaphazela umgangatho wemveliso. Izinga leswekile le beetroot liyehla xa ubushushu ngexesha loku khula kwayo buse zantsi. Ngokufanayo xa ixesha lokukhula kwesivuno lingekho lide ngokwaneleyo, neswekile eveliswayo ayaneli.
Ixesha loku khula kwezityalo kunye namazinga obushushu aphezulu ngokwaneleyo abalulekile kwizityalo ezithanda isimo sezulu esishushu. Umbona uthatha ixesha elide kodwa izisuno esininzi kwixesha elifutshane lezilimo sele zifumaneka ngoku.

Ubushushu Nokuhluma

Akhona amazinga obushushu asezantsi, ubushushu obunqwenelekayo, ukuhluma kakhulu kwixesha elifutshane, namaqondo aphezulu obushushu apho kuthi kuhlume isivuno. Lamazinga obushushu ayashiyana phakathi kwentlobo ezahlukileyo zezityalo.

Translated by Zikhona Plaatjie