Scrub Hare
Umvundla

© Roger de la Harpe

Igama

Umvundla [Lepus saxatilis]

Inkangeleko

Umvundla mkhulu pha kumacala ase mzantsi-ntshona kangange (2.7-4.5 kg) umntla wona ulingana (3.2 kg). Imiphezulu yona ichokozwe ngombala ongwevu kwaye iimhlophe apha ngaphantsi. Zinendle ezinde ezingwevu ngombala, yona nomsila wayo omnyama namhlophe zigqama kakhulu xa ibaleka.

Itya Ntoni

Umvundla utya kakhulu ingca emfutshane, ingca eluhlaza kumaxesha anzima lo mvundla uzotya namagqabi, iingcambu kunye nengca eyomisiweyo.

Ukuzala

Ukuzala kwenzeka phakathi kweyoMsintsi ukuya kweyoMdumba, kodwa zingazala naphakathi enyakeni zikhupha isizalo esinye okanye esintathu. Amawele amathathu aqhelekile ngexesha leemvula. Zizala kakhulu kwimeko ezimaxongo ezinembalela.

Isimilo

Zithanda ukuba zodwa. Iimazi zingakhatshwa ziinkunzi ngexesha lokuvelisa. Zithanda indawo etshitshilizayo, enengca ende kunye namathafa.

Zifumaneka Phi

Zigcwele kakhulu eMzantsi Afrika kodwa zinqabile ehlathini, olunxwemeni nakwi ndawo ezomileyo eziphakwintshona yakwiPhondo laseMntla.

Amanqaku Asendle

Umvundla udumile ngokubaleka phambi kwee moto ebusuku, ibaleka goso-goso. Okukubaleka kugoso kubangelwa yindela yayo yokubalekela ukubanjwa kodwa kuyasolwa ukuba izithunzi ezenziwa kukulayita kwemoto kuyothusa, iyiyo lonto ebangela ukuba itshintshe umkhomba ndlela.