Sable
Iliza

© Nigel Dennis

Igama

Iliza [Hippotragus niger]

Inkangeleko

Inkulu ngozimba kwaye inomkhitha le-impala. Iliza lahluwa kukucwebezela kwesikhumba sayo esimnyama sibemhlophe pha emazantsi siphinde sibeneempawu ezimhlophe pha ebusweni bayo.
Iinkomo ezincinci zimnyama-mbala mdaka. Zonke izini zinenwele ezimnyama eziqinileyo pha kumva womqolo. Ubude begxalala beenkunzi bungange 1.4 m, iweyisha I 270 kg. Iinkomo zona zincinci ngomzimba.
Zonke izini zineempondo ezinde, eziphakamileyo ziphinde zigobele ngasemva. Iimpondo zimpusululu futhi zitsolo. Iimpondo ezakhiwe njenge scimitar kwinkunzi enzindala zilingana ne 1.2 m ngobude.
Iimpondo ezisebafazini zimfutshane kwaye zinciphile ngomzimba. Iindlebe zona zibomvu emva ziphinde zibencinci nakuneze Thaka. Impondo lethole liqala ukuvela emva kweminyaka emibini.

Itya Ntoni

Itya ukutya okuyingca ikakhulu. Zithanda ingca ekhula ngokukhawuleza, ingca ebomvu kwaye neentlobo ezahlukileyo ze Brachiaria, Urochloa kwaye ne Panicum.
Iintlobo zemifuno yengca nayo iyathathwa endaweni emanzi. Uvuthondaba lwezityalo lulo olususa ingca emhlabeni kwizinga eliphuzulu. Inani lamathambo kunye nezidumbu zezilwanyana ezishiyeke ehlathini, ziyatyiwa ukuphelisa indlala.

Ukuzala

Iinkomo zivuthwa pha kunyaka wesithathu, futhi ziyazala namathole azo wokuqala pha kumnyaka wesithathu. Emva kwexesha lokumitha elithatha iimini ezi 270, zizala amathole awodwa aweyisha ama 17 kg ekuzalweni.
Amathole afihlwa pha engceni ende kangang’eveki ezimbini, ngeloxesha oomama bawo bazowahambela ezowancancisa futhi ezowalungisa. Amathole abonakalisa umdla engceni esakhula, futhi alumlwa xa enenyanga ezisibhozo.

Isimilo

Iliza likhanuka ekuseni nase njikalanga ikakhulu, futhi zisela emanzi emini. Linothando iliza, ngokubonakalisa uthando kwimihlambi eyahlukileyo ngamanani.
Ngexesha lokuzala amathole, amaqela amancinci weenkomo ezimithi ayazihlukanisa kumaqela amaninzi anamathole kune nezilwanyana ezingazaliyo. Phakathi kobusika imihlambi enkulu iyadibana kwiindawo ezifumileyo.
Iinkunzi ezithanda indawo yazo ziye zigxothe iinkunzi ezincinci xa sele nazo zifikile kwixesha lenkanuko eliqala pha kwi minyaka emithathu.

Indawo Yokuhlala

Zithanda ukuhlala emathafeni anemithi okanye endaweni efumileyo apho zikhetha khona ingca yodidi esemaphakathini ngobude.

Zifumaneka Phi

Lembali yoluhlobo ye-Sable inciphile namhlanje. e-Mzantsi Afrika ukuwabiwa kwale impala enqabileyo futhi esengozini kwenzeka pha eKruger National Park.
Iyabonakala futhi nakwindawo ezikhuselekileyo apho i-Sable iphindwe yaziswe khona okanye yaziswe kwiindawo apho ingazanga yabakhona kuyophambili.