Rock Hyrax
Imbila

© Roger de la Harpe

Igama

Imbila yasematyeni, ngoku yaziwa njenge Mbila (Procavia capensis)

Inkangeleko

Imbila sesona sizalwane sendlovu yase Afrika, nangona nje zohlukileyo ngomzimba. Oludlelwano lwemvelo luthathwe pha kwisakhiwo sazo esifanayo seenyawo namazinyo.

Itya ntoni

Imbila itya uhlaza lwezityalo. Ithanda ukutya okuxutyiweyo kodwa ikhetha ingca xa ikhona emveni kokuba kunethile. Kodwa ke, phakathi kwee sizini eyomileyo, itya sonke isityalo esikhoyo. Izityalo eziphezulu ngenqanaba letyhefu, ezimnandi zingasetyenziswa ngexesha lembalela ukucitha uxinzelelo lwembalela.

Ukuzala

Amathole azalwa phakathi kweye Hlobo emva kwexesha lokumitha elithatha Inyanga ezisixhenxe. Iimazi zona zivuthwa xa zinonyaka omnye. Ukungcolisa kuqala pha kwiminyaka yesibini nakweyesithathu. Inkunzi ekhonyayo ixhamla yodwa pha kwimazi eziyi 17. Inkunzi ezizodwa zihlala kwakwezi ndawo zabafazi.

Isimilo

Imbila iyathanda ukugcakamela ilanga ematyeni amakhulu, ingakumbi ekuseni nase ntshonalanga. Imbila zizingelwa kakhulu lukhozi, Inqgawa kunye ne Ngwe.

Zifumaneka phi

Njengokuba igama layo lesintu lizichaza, lithanda indawo enamatye kuwo wonke uMzantsi Afrika. Imbila zithanda ukuzihlalela emithini ngokukhululeka nalapho kukhona imithi emikhulu engasemaweni.

Izibalo ezibalulekileyo

Igama lesi-Latin: Procavia Capensis
Ubunzima bomzimba (Imazi): 2,5 - 4,2 kg
Ubunzima bomzimba (Inkunzi): 3,2 - 4,7 kg
Ubude (Imazi): 55 cm
Ubude (Inkunzi): 55 cm
Ixesha lokumitha: 8 iinyanga
Inani lobuncinci: 1 - 6
Ukubhadla kwenkanuko: 17 iinyanga
Umzimba wokozalwa: 165 - 230 g
i-Oda: Hyracoidea
Usapho: Procaviidae
Ukuzala: 1-6 ezincinci zizalwa ngeyoMsintsi/ eyeDwarha nangeyoKwindla emva kwexesha elingange nyanga eziyi 7.

Inkcazo ye Spoor

Inenzwane ezine apha kumphambili wenyawo iphinde ibe nenzwane ezintathu pha emva konyawo. Iinzwane zinamazipho, ngaphandle kwenzwane yangaphakathi elapha emva konyawo, yona ke inezipho elilungisiweyo liphinde ligobe. Izithende zeenyawo zize, isikhumba sayo esingqindilili sinoboya, inyama ethile pha emzimbeni yiyo egcina indawo imanzi ukunyusa ibambelele. Lonto yenza ukuba ikwazi ukunyuka iintaba namatye ngokukhululeka.