Rhebuck
i-Rhebuck (Irhibhakhi)

© Roger de la Harpe

Igama

i-Rhebuck engwevu. [Pelea capreolus]

Inkangeleko

Ziweyisha kangange 30kg, zibenobude begxalaba obungange 700-800mm. Inciphile ngomzimba, inentamo ende, iphakathi ngomzimba.
Inendlebe ezimnxinwa, iqhakuva lempumlo futhi nengubo enoboya obumhlophe ngaphantsi. Ziinkunzi kuphela ezine mpondo ezingekho goso ezilingana ne 150-250mm ebudeni,ziphinde zande pha emazantsi.

Itya Ntoni

Le-impala iyathanda ukuzingela ukutya okuxutyiweyo. Zikhetha izihlahla nembalela. Iingcambu, imbewu kutye neetyatyambo ziyatyiwa pha kwi nyanga yeSillimela kude kuyofika eyeDwarha.

Ukuzala

Ithanda ukuzala ngesizini ethile, ukusukwelwa kwenzeka phakathi kweyoMdumba ne ka Tshazimpunzi. Igusha enye yona izalwa emva kwexesha lokumitha oluthatha iinyanga ezisibhozo.
Iimazi ezikhulelweyo ziyawushiya umhlambi ntsuku ezintathu phambi kokuzala. Emva kokuzala, oomama agcina amathole wazo emfihlweni kangange xesha leveki ezintandathu, ngeloxesha ke amathole asoloko encanciswa.

Isimilo

Ezizilwanyana zifumaneka kumaqela abuncincane afika ku 12 aquka imvu endala, iimazi eziqaqobana kunye neegusha. Iinkunzi ziyathanda ukuba zodwa. Ziyayithanda indawo yazo kwaye ziyayikhusela futhi.
Zenza ingxolo ephosayo, ekhalayo kwaye neno nomsondlo. Ziyasebenza emini kodwa ziyaphumla xa ilanga lishushu. Ziyakwazi ukuxhuma futhi zibaleka ngokwe singqungqo sehashi, imilenze yanga phambili nasemva yona ikhatywe qinileyo lonke ixesha itsiba.

Indawo Yokuhlala

Ithanda ukuhlala pha kwimibuso yase zintabeni napha kuhlaza oluna matye.

Zifumaneka Phi

I-Rhebuck engwevu ayiqhelekanga kodwa ixhaphakile kwindawo elungeleyo yona. Ifumaneka eMpuma nase Ntshona koloni, indawo ezilungileyo yintshona-cala yase Koloni i-Peninsula, eMpumalanga nakwi phondo laseMntla, kwamanye amacala ase Lesotho, eFreyistata napha kumantla e-Drakensburg nakwa KwaZulu-Natal. Iqhelene namathambeka eentaba, iinduli kwaye namathafa.

Amaxhalanga

Ingonyama, Ingwe, Ingcuka, Inja yaseKoloni yokuzingela, Inyoka kunye noDyakalashe.

Amanqaku Asendle

Inyaniso engaziwayo yile yokuba i-Rhebuck yintsusa yegama lempahla yezemidlalo abayibiza i-Reebok. Eligama lakhethwa ngenxa lekhono lesisilwanyana kwiindawo ethile enentaba futhi namhlanje i-Reebok yindlu yempahla ebalulekiyo apha emhlabeni.