Reedbuck
Intlangu

© Roger de la Harpe

Igama

Intlangu (Redunca arundinum)

Inkangeleko

Luweyisha kangange 70kg futhi iinkunzi zinobude bamagxa angange 950mm. Iimazi zona zincinci kwaye zilingana ne 800mm apha emagxeni futhi ziweyisha i 51kg. Uboya bona bungwevu-mdaka buphinde bubemhlophe pha emazantsi.
Umsila wona unoboya kwaye unamachokoza amhlophe. Inesiziba esahlukileyo esingenanwele apha ngaphantsi kweendlebe. Ziinkunzi zodwa ezinempondo ezinobude obungange 450mm.
Intlangu zona zinedlala nesibumbu esikhupha into enencindi, iinkunzi zona zine-pere enye ngamanye amaxesha iimazi ziba ne-pere ezimbini. Ezidlala zisondelene nokuthanda iindawo.

Itya Ntoni

Intlangu ithanda ukutya ingca ikakhulu. Xa ingca ingekho zithatha imilinganiselo emincinci yemifuno. Xa iimeko zimaxongo, zondla emini, nangona oluhlobo luthanda ukwenza izinto ebusuku.

Ukuzala

Iimazi ziqala ukuvuthwa pha kwixesha le 15-18months, iinkunzi zona zibhadla enkanukweni emva kweminyaka emibini. Zimithisana kunyaka wonke kodwa zizala pha ngexesha lehlobo.
Amathole asanda ukuzalwa ahlala emfihlweni kangange xesha lenyanga ezintathu, isizo nesizathu sokufuneka kwe khava eyaneleyo kwiindawo ehlala esisilwanyana.

Isimilo

Esisilwanyana siphakathi ngomzimba kwaye sifumaneka kwindawo zamasapho amancinane ngenani. Xa ibaleka inempawu zokuqinelwa, umsila phezulu futhi xa isukile kuvela amacala angaphantsi amhlophe. Intlangu iyayithanda indawo yayo.
Iinkunzi ezingamaqabane zikhusela ubudlelwane obubudwa phakathi kwezinye iinkunzi. Xa iimazi zikhula ziyalushiya usapho lwazo, ziyahamba ziyo ziqalela eyayo intsapho. Iinkunzi ezincinci ziyanyamezelwa futhi zingahlala nosapho lwazo kude kufike unyaka wesithathu. Intlangu isisizalwane se-nxala.

Indawo Yokuhlala

Le-impala ihlala kwindawo yohlaza olumanzi. Ngeshwa, lentlobo yendawo inqabe ngokuphawulekayo, ilandelwa kukunciphisa kwamanani entlangu.

Zifumaneka Phi

Namhlanje, le-impala ingabonwa pha e-Kruger National Park, kwimpuma yonxweme i-St Lucia, eHluhlume nakwezinye iindawo zezilwanyana KwaZulu-Natal.