Mopane Tree

© Shem Compion

Igama

Mopane [Colophospermum mopane]

Inkcazelo

Iimpawu ezixilongiweyo zomthi we-Mopane ngamagqabi wazo akhiwe njengamabhabhathane, akhanya luhlaza xa esakhula aphinde ajike abeyimibala yasekwindla. Lemibala izimpawu zomhlaba kwinyanga ezininzi enyakeni. Iintlobo ezininzi zinengcambu ezininzi kwaye zikhulela phezulu zenze umqhele obukeka njengo V. Umqhele uyakhanya ngombala aphinde abe mbala omnyama bungwevu, inempawu ezide. Eminye imithi ye-Mopane iba nobude obungange mitha eziyi 25, ingakumbi kumhlaba onesanti. Xa imeko zingavumi, izihlahla zalomthi zibizwa ngeTshitshilili le-Mopane futhi engingqini sibizwa i-‘gumane’ kwaye zicace kakhulu. Umqhele unobude ubulindelweyo. Amagqatyana amabini ayaphuma kwisiqhamo esinye. Apho aphuma afana neempiko zamabhabhathane.

Iintyatyambo neziqhamo

Iintyatyambo zomthi i-Mopane zityheli-buluhlaza, zincinci, aziqhaphelekinkwaye zithwala ubunzima besetyana. Isiqhamo somthi we-Mopane iquka imbewu emcaba ebulishica, engathi yakhiwe njengezintso. Iluhlaza ekuqalekeni, inempawu eshwabeneyo, emcaba enamachoko-chokoza. Iintyatyambo zikhula pha ngeyoMnga ukuya kweyoMqungu. Iziqhamo zivela pha kwekwaTshazimpunzi ukuya kweye Silimela.

Zifumaneka phi

Lomthi we-Mopane ukhula eMzantsi Afrika, e-Botswana nase-Namibia.

Igama lesi-Latin

Lomthi ikwangumgcini we Mopane Moth [Gonimbrasia belina] ekunguyena mthi obalulekileyo ekondleni abantu abantu abaninzi base Afrika. Umzila, owaziwa njenge ntshulube ye-Mopane, uyavunwa atyiwe ngalendlela ungayo okanye omiswe njengokutya kwakusasa. Iinkuni zalomthi zisetyenziswa ekwenzeni ifenishala ngenxa yombala wayo kwaye ziyahlala, ziyakwazi ukumelana nezidulo, kwaye ilungele ukwenza ucingo lokubiyela.