Marula Tree

© Geoff Nichols

Igama

Marula Tree [Scelerocarya birrea]

Igama lesi- Latin

Scelerocarya birrea.
Imvelaphi yomthi we Marula isuka pha kumawaka eminyaka. Ubungqina bakudala bubonisa ukuba umthi iMarula ibisisondlo ukusuka pha kwiminyaka eyi 10 000 B.C. I-Marula ngowona mthi obukekayo kwaye wongiwe e-Afrika. E-Pomongwe e-Zimbabwe, kuqikelelwa ukuba kwatyiwa pha kumawaka ayi 24 weziqhamo ze-Marula. Ayisosiqhamo kuphela, nentongomane layo lityebile pha kukutya kwengqondo. Amagqala ahlala ephuphuma ngenxa yentsebenzo yalomthi, umphandle wayo, amagqabi, iziqhamo, amantongomane kunye nomphakathi wayo.
Yaziwa njenge siqhamo esiphambanisa indlovu xa sithe sawiswa phantsi futhi sabiliswa, i-marula ngowona mthi othandwayo ehlathini e-Afrika. Ibiyiyo into etyiwayo kakhulu mandulo phaya emazweni ase Mzantsi Afrika, Botswana nase Namibia.

Inkcazelo

Ngumthi onamagqabi avuthukayo okhula abemde kangange mitha eziyi-18. Ukhula kwiindawo ezininzi apho kukhona amahlathi nendawo ezinesanti. Uyafunywana ukusuka e-Ethiopia ukuya KwaZulu-Natal. Zikhupha iintyatyabo ukusa kweyoMsintsi ukuya kweyeNkanga zithwala iziqhamo pha ukusuka kweyoMqungu ukuya kweyoKwindla. Iziqhamo ziyatyeka futhi ziphezulu kwi Vithamin C. Ingulube, indlovu, indlulamthi kunye ne-kudu zitya iziqhamo kunye namagqabi alomthi.

Intsebenziso

Isikhumba salomthi siyabiliswa ukwenza into yokusela okanye sitshiswe ekwenzeni into yokuphunga. Iinkuni zawo zithambile kwaye zisetyenziswa ekukroleni, umqhele wangaphakathi wona kwenziwa ngawo intambo. Iindawo zakudala ziyabonisa ukuba isiqhamo se-marula besisetyenziswa zezinye iintlanga ze-Afrika njengo kutya ukusuka pha kwi xesha lamandulo. Umqhele wona kwenziwa ngawo idayi embala okhanyayo buntsundu. Imizila emikhulu iqokelelwa kulomthi ukuze yosiwe.
Phakathi kwayo ufumanana intongomane okanye amantongomane noba mabini amnandi kakhulu kwaye atyebile kwisondlo. Amafutha wona asetyeenziswa njenge nto yokuqaba emzimbeni. Amagqabi wayo aluhlaza ayatyiwa ukunyanga okuphathelene nentliziyo. Umqhele usetyenziswa njenga manzi okufutha. Umqhele ukhandwa abelido, axutywe namanzi abandayo aginywe xa kucocwa igazi okanye isisu. Umqhele uphinde ancede kwi malariya.

Isiqhamo

Isiqhamo se-Marula sinomsoco simnandi kwaye silingana ne-plam esiqwini. Ityiwa xa igqibo kukhiwa emthini kwaye isikhumba sayo sino vithamin C omninzi. Xa siphekiwe senza izinto ezifana ne-jam, ijusi, kunye neziselo zotywala.

Ifumaneka phi

Iluhlobo lohlaza olwaziwa njenge mxube wohlaza olufumaneka pha emathafeni naseMpumalanga, ukuya e-Kruger National Park. Amaqabane ezityalo aquka umuNga, iBhaobhab kunye ne-Mopani embala omnyama-buluhlaza, kunye nengca ende.

Impawu ezibalulekileyo

Umthi we-Marula uthatha isini esithile. Lempawu ixhaswa yinkolo yamaVenda yokuba umxube wayo uyakwazi ukunceda ekuchazeni isini sosana olungekazalwa. Ukuba umfazi ufuna unyana, umthi oyinkunzi uyasetyenziswa, xa efuna intombazaness, kusetyenziswa umthi oyimazi. Ukuba umtana wesini esahlukileyo uzelwe, lomntana lowo kuye kuthiwa ubaluleke kakhulu kuba uyakwazi ukweyisa imimoya.